Ifikile imini yeWafa Wafa!

Umdlalo wamagqibela kankqoyi weMTN 8 ophakathi kweSuperSport United neCape Town City oseMoses Mabhida Stadium ngo’19:00 ngoMgqibelo uzakunika umdla kakhulu ngenxa yengqokelela yezinto ezininzi.

Phakathi kwezo zinto kukuba kudibana amaqela adlala kakuhle, afuna ukuzenzela igama kwibhola yelizwe nje ngokubanzi kwaye anabaqeqeshi abalangazelela impumelelo. Ukudibana kuka-Eric Tinkler neqela alincedileyo kwisizini edlulileyo kungayingxaki kuBenni McCarthy ofike wenza isivungu-vungu kwiPSL ngokuthi athathe iqela alibeke kwindawo elikuyo ngoku kungaphelanga neenyanga ezimbini kwisizini yakhe yokuqala njengomqeqeshi.

UTinkler ushiye iCity kwiinyanga ezidlulileyo kuba esithi kwiSuperSport unethuba lokufumana iindebe – eyona nto iphambili kuye njengokuba engumqeqeshi osazama ukwakha igama lakhe. Ukucwangcisela lo mdlalo yinto engenoba nzima kakhulu kuTinkler ngoba udibana neqela alaziyo nawaphumelela ngalo indebe kunyaka ophelileyo. Kodwa kufuneka ahlabe ekhangele ngoba uMcCarthy ufike wamilisela eyakhe indlela yokudlala kwaye unxanelwe impumelelo.

ICity ifuna impumelelo kulo mdlalo emva kokuqala kakuhle isizini. Lo mqeqeshi uzakuthembela kubadlali abafana no-Ayanda Patosi, uShu-Aib Walters noRobyn Johannes abanamava adingekayo kwimidlalo enje ngalo.

Kuzanyanzeleka iCity igade uJeremy Brockie, uReneilwe Letsholonyane noThuso Phala ngoba ngabona banefuthe kakhulu kwiSuperSport. Amatsatsantsa analo ithuba lokuphumelela ngenxa yamava nabadlali abakumgangatho ophezulu.

Umhlalutyi wezemidlalo uSinesipho Mali uthi iSuperSport iya emdlalweni ikhuthazekile ngenxa yomsebenzi ewenze kwiCaf Confederation Cup. “ISuperSport inamandla ngenxa yendlela eqhuba ngayo kwiCaf, yona iCity ikwazile ukuqingqa emva kokubethwa. La maqela anabadlali abanamava, indlela adlala ngayo ayohlukanga kuyaphi – kodwa ndicinga ukuba amagowuli ngeke ohlukane kakhulu,” utsho uMali.