Ifolosi entsha yeSekhukhune United ithembisa ngamagowuli

UTshegofatso Mabasa, obekade edlalela i-Orlando Pirates, ngoku ngumdlali weSekhukhune United. Umfanekiso: Sydney Mahlangu /BackpagePix

Ifolosi entsha yeSekhukhune United, UTshegofatso Mabasa, uthembise iqela layo elitsha ngamagowuli emva kokutyikitywa ngoLwesibini wale veki. UMabasa ugalele kwiSekhukhune ngemboleko ehamba nabanye abadlali abafana noLinda Mntambo, uTrain Mokhabi, uDenwin Farmer, uAlias Mokwana no-Abednego Mosiatlhaga. Le ndedeba eyayikade idlalela iBloemfontein Celtic yafika yathembisa kakhulu kwi-Orlando Pirates kusekho uJosef Zinnbauer kwiminyaka edlulileyo. Ukonzakala okuzingileyo kumgcine ngaphandle kwebala ixesha elide kakhulu. Nangona eye waphila – kodwa khange alinikwe ithuba lokudlala ngethuba kuqeqesha uMandla Ncikazi noFadlu Davids.

UMabasa ukhululwe yiPirates nakubeni ibibhengeza umqeqeshi omtsha kwiveeki ephelileyo ogama linguJose Riveiro. Ukwamkele ngovuyo olukhulu uMabasa ukuba yinxalenye yeqela elifana neSekhukhune United eza kuqala isizini yayo yesibini kwiDStv Premiership. “Liwonga elikhulu kum ukuba ngumdlali elisakhulayo njengeSekhukhune,” utshilo uMabasa emva kokwaziswa kwakhe kubalandeli beqela lakhe elitsha. “Into amabayilindele kum abalandeli kukudlala ngokuzimisela ngamaxesha onke nokufaka amagowuli. Ngaphezulu kwezinto zonke, ndifuna ukuyonwabela ibhola ekhatywayo kwakhona. Ithuba endilinikwe ngusihlalo weSekhukhune ndiyalibulela kakhulu.

“Ndibulela nangokwamkelwa ngezandla ezifudumeleyo. Into efunekayo kuthi badlali kukuqinisekisa ukuba iqela liyayiphumelela imidlalo ukuze livale isizini endaweni ehloniphekileyo,” utshilo uMabasa. Ekuqaleni kwenyanga, iSekhukhune ikhulule inqwaba yabadlali abalihumi elinesine. Phakathi kwabo badlali abakhululweyo kukho amadoda afana noCharlton Mashumba, uTapuwa Kapini, uEvans Rusike noJuston Shonga. Ezo iinguqu zenzeke uKaitano Tembo engekabhengezwa njengomqeqeshi oyintloko. UTembo ufika kwiqela elitsha emva kokugxothwa yiSuperSport United ngenxa yeziphumo ezingancumisiyo kwisizini ephelileyo. Kulindeleke ancediswe nguMacDonald Makhubedu noThabo Seneng.