Umdlalo we-Absa Premier Soccer League obuphakathi kweMaritzburg United ne-Orlando Pirates, eChatsworth Stadium, ubunika umdla, futhi ukwizinga eliphezulu nangona phantse yonke imidlalo ibinamagowuli aliqela.
Kuphantse kwalalwa kungatyiwanga kwiBucs emva kokuba iMaritzburg United igalele amagowuli amathathu kwisiqingatha sokuqala somdlalo. Kuye kwanyanzeleka ukuba iPirates ibuye ngasemva ngenxa ye-United ebivutha bhe. Umdlalo uphele la maqela mabini ebambene ngo’3-3.
Umdlalo uvulwe ngegowuli elifakwe sisiquququ seMaritzburg United, uMondli Cele [lo mdlali uswelekile emva kwengozi yemoto ekuseni izolo], uBrian Onyango no-Evans Rusike. IPirates ihlangulwe nguThabo Rakhale, uThabo Matlaba noKermit Erasmus. Ngaphandle kwamathandabuzo isiqingatha sokuqala besilawulwa liqela ebelidlalela ekhaya kwaye lilo elifake intaphane yamagowuli, izinto ziye zajika kwesesibini ngoba iBhakaniya libuye lixwaye impazamo futhi inamaqhinga amatsha. Ngumdlalo lo ebefuna ukuwuphumelela, * -Enrst Middendorp, ukuze aqabele phezu kwe-University of Pretoria ebethwe yiMamelodi Sundowns ngempela veki.
Ifolosi ye-Pirates, uKermit Erasmus, uthe imiyalelo abayinikwe ngu-Eric Tinkler ngexesha lokuphumla, yiyo ebancedileyo. Ngexesha lokuphumla iiSea-Robbers bezihamba emva ngo’3-1. Kulo mdlalo * -Erasmus uchongwe njengoyena mdlali uqaqambileyo. “Umdlalo ubunzima, siye kwixesha lokuphumla sihamba emva ngamagowuli amathathu.
Umqeqeshi usinike imiyalelo; iye yasebenza lo nto. Silwile ukuze sifumane inqaku,” utshilo * -Erasmus.
“Ndicinga ukuba kwisigaba sokuqala sibethwe kukulahla iibhola kumhlaba wethu. Besisazi ukuba baza- kuhlasela baphinde bazame ukulawula umdlalo, kodwa khange sibabambe kakuhle emdlalweni wethu. Kufuneka uyilwele iPirates xa izinto zingahambi kakuhle, liqela elikhulu,” utshilo * -Erasmus.
Ahleli kwindawo yeshumi Amabhaka-bhaka, lo gama imeko yeMaritzburg United ingatshintshanga emsileni.
Baqale uqhankqalazo abaqhubi beenqwelomoya