Ifolosi yoMzantsi Afrika ithengwe ngezigidi

Umdlali webhola uLyle Foster uza kuqala ubomi obutsha eNgilane.

Umdlali webhola ekhatywayo onekamva eliqaqambileyo, uLyle Foster, uza kuqala ubomi obutsha eNgilane. Oku kuza kwenzeka emva kokuba ethengwe yiBurnley ngemali elikhulu elineshumi elinanye amawaka eerandi (R111-million) kwiveki ephelileyo.

Le folosi edlalela iqela lesizwe loMzantsi Afrika iza kudlalela iBurnley yaseNgilane ekwindawo yokuqala kwiEnglish Football League Championship engezantsi kwayo iEnglish Premier League eyaziwayo ngabantu abaninzi abalandela ibhola ekhatywayo.

UFoster, 22, uzenzele igama kwiWesterlo FC yaseBelgium apho abonwe khona nguVincent Kompany ongumqeqeshi weqela lakhe elitsha.

UKompany ngumqeqeshi weBurnley ethe ngcu kwindawo yokuqala futhi elwela ukunyuselwa kwinqanaba eliphezulu eNgilane ekupheleni kwesizini eqhubekayo. Iingxelo zithi umqeqeshi weBurnley wathi kufuneka kuthi kuvalwa ukuthengwa kwabadlali ekupheleni kwale nyanga abe uFoster engumdlali weqela lakhe kwaye yenzeke lo nto ngokwendlela ebefuna ngayo.

Njengokuba kulindeleke ukuba iBurnley kulindeleke inyukele kwiEnglish Premiership, imali eza kuhlawulwa iWesterlo iza kuqabela ngaphaya kwekhulu elinamashumi asibhozo ezigidi zamawaka eerandi (R186-million). Ukuba kwenzekile, imali athengwe ngayo uFoster, iya kuthi kratya ngaphezulu kwikhulu elineshumi elinanye (R111-million) uBenni McCarthy awathengwa ngayo yiCelta Vigo engumdlali weAjax Amsterdam kwiminyaka eyadlulayo.

Kwisizini ka2017/18, uFoster waba ngumdlali weOrlando Pirates ngokusesikweni emva kokuqhuba kakuhle kwiqela labasakhulayo lePirates.

Ukuya kwakhe eNgilane iya kuba ziindaba ezimnandi ebholeni yaseMzantsi Afrika engasakwaziyo ukuvelisa abadlali abanomtsalane kumaqela aphambili eYurophu. UFoster uza kulandela ekhondweni labadlali abafana noMcCarthy, uLucas Radebe, uMark Fish, Aaron Mokoena noSteven Pienaar.

Njengokuba abadlali baseMzantsi Afrika besokola ukungena eNgilane ngenxa yeBafana Bafana ekwindawo engaphaya kwamashumi amahlanu kumanqwanqwa weFifa, kodwa yena uFoster uza kungena lula ngoba ebedlala rhoqo kwiWesterlo FC.