Njengokuba kulungiselelwa ukuvulwa kwesizini entsha yeHollywoodbets Super League, abaphathi bamaqela bathe sa iinzwane ngelikhangela abadlali abatsha. Phakathi kwamaqela afumene abadlali abatsha yi-University of Fort Hare. Liqela lesithathu elii eliphuma kwiphondo leMpuma Koloni elidlala kwiHoolywoodbets Super League. Linyuselwe kunyaka ophelileyo emva kokuba ligqugqise kwiSasol Women’s League ephondweni nasemidlalweni yezwelonke.
Iqela lamanenekazi adlala ibhola ekhatywayo eliphantsi kwe-University of Fort Hare longeza iThunderbirds Ladies neCity Lads Ladies ezinika abadlali ithuba lokudlala kwinqanaba eliphezulu eMzantsi Afrika. Kutshanje, iqela lakwaNokholeji libhengeze inqwaba yabadlali abatsha elinethemba lokuba baza kulinceda kwisizini yalo yokuqala kwiHolywoodbets Super League ekulindeleke ukuba ivulwe kwiiveki ezimbalwa ezizayo.
Ngokutsho kukaMazeli Feni, ngumxube wabadlali abatsha nekudala bedlala ibhola abakwazileyo ukubafumana. “Abadlali bethu abatsha sebeziqeqesha nabanye abadlali enkampni. Silinde abadlali abaphaya kwisithathu ukuya kwisine ngoku,” utshilo uMphathi weqela, uFeni, kwikhasi lomnatha leyunivesithi kutshanje. UFeni uthe injongo yokufumana abadlali abatsha kukuqinisekisa ukuba iqela lakhe lifumana ukomelela phambii kokuqala kwesizini entsha.
“Ndicinga ukuba sikulungele ukuqubisana namaqela amakhulu emva kokuba sithe safumana abadlali abasuka kwamanye amaqela aziwayo. Amalungiselelo wethu ahamba kakuhle ngoba indawo yethu yokudlalela ivunyiwe ngabasemagunyeni. Okuseleyo ngoku kukuba siqhelane nokudlala namaqela akwinqanaba eliphezulu ebholenii yamanenekazi,” utshilo uFeni.
Uluhlu lwamagama abadlali abatsha luhamba ngolu hlobo: Lindokuhle Duntsu, Christelina Koekemoer, Yonela Keto, Thompson Olona, Ameera Daniels, Kesha Hendricks, Amanda Nteyi, Roschni Fleur, Sinazo Ntlokinendaba, Genevieve Adams, Qaqamba Ngqangashe, Zandile Mxasa, Asemahle Ndobo noBamanye Nkunjana.
IBig Brother Mzansi iza kuqala ngoJanuwari