IFrance ziintshatsheli zehlabathi ezivunyiweyo!!!!

French player react with the trophy after winning the FIFA World Cup 2018 final between France and Croatia in Moscow, Russia, 15 July 2018. By: FACUNDO ARRIZABALAGA / EPA

Umhlaba
wonke uyavuma ukuba iFrance ziintshatsheli zendebe yehlabathi ka-2018! IFrance
ibethe iCroatia elwe kwade kwasekugqibeleni ngamagowuli amane kwamabini (4-2)
kumdlalo obunika umdla kakhulu eLuzhniki Stadium ebigcwe ithe thwababa
ngabalandeli bebhola abakumakhulu asibhozo amawaka ngokuhlwa kwanamhlanje. Amagowuli
afakwe ngu-Antione Griezmann amabini, nguPaul Pogba noKylian Mbappe – ngawo
anike iFrance impumelelo engasoze ilibaleke kumdlalo wokugqibela ovelise
amagowuli amathandathu onke. Namhlanje kutyhilwe elinye iphepha lembali
kaDidier Deschamps ngoba ube ngumqeqeshi wokuqala eFrance ophumelele indebe
yehlabathi kabini.

  Image may contain: 1 person, playing a sport and outdoor

Amaxhwangusha
waseCroatia aphume ebaleni ethokombise iintloko emva kokubulawa kwephupha lawo
yiFrance namhlanje. Nakubeni iCroatia ibiyiyo enamandla emdlalweni – kodwa ibethwe
liqela elinobuchule futhi elisebenzileyo. IFrance idlale umdlalo ophucukileyo
kwisigaba sesibini nakubeni ibinazo iimpazamo ezibambisa amazinyo. Enye into
ekwazileyo ukuyenza kakuhle iFrance kukufaka amagowuli ngexesha
elifanelekileyo. Nakubeni iCroatia ikwazile ukufaka amagowuli amabini –  ngelishwa layo, akakwazanga ukuyinceda. Igowuli
elinike iFrance amandla lelingene ngepenela emva kokuba umdlali weCroatia
ebambe ibhola endaweni embi emhlabeni kanozinti.

  Image may contain: 2 people, people playing sports and outdoor

Isiqingatha
sokuqala besinzima – kodwa besilawulwa yiCroatia. Iphelile imizuzu elishumi
amaqela efundana. Izinto zijike ngethuba kusiwiswa uGriezmann kude kufuphi
kumhlaba kanozinti. UGriezmann utale imbumbulu erhece umdlali weCroatia yahlala
emnatheni. Iphindisile nayo iCroatia ngegowuli elifakwe ngu-Ivan Perisic
kwimizuzu elishumi emva kweleFrance. Kwisigaba sesibini, iFrance ibuye yafaka
amagowuli amabini atheze amandla wabadlali beCroatia nakubeni bezamile
ukutyhala ngesifuba. Libe khona ithemba ngethuba uMario Mandzukic efaka igowuli
lesibini emva kwempazamo eyenziwe ngunozinti weFrance – uHugo Lloris. Ekugqibeleni,
umdlalo uphunyelelwe yiFrance ngamagowuli amane kwamabini.

Croatia: Danjel Subasic, Ivan Strinic, Domagoj Vida,
Dejan Lovren, Sime Vrsaljko, Ivan Perisic, Marcelo Brozovic, Luka Modric, Ivan
Rakitic, Ante Rebic, Mario Mandzukic.

France: Hugo Lloris, Lucas Hernandez, Samuel Umtiti,
Raphael, Varane, Benjamin Pavard, Blaise Matuidi, Ngolo Kante, Antoine
Griezmann, Paul Pogba, Kylian Mbappe, Olivier Giroud.