Kwinyanga ephelileyo, abaphathi beFree State Stars bashiyeke bebambe ongezantsi kukothuka emva kokuva iindaba ezithi, * -Ernst Middendorp, ugqibe kwelokuba axwaye iitasana zakhe, emke. Izizathu zokuhamba kwale ndoda yasejamani ingumahamb’ehlala ukhukho labatshakazi azikacaci nanamhlanje ngoba ibingaqhubi kakubi emsebenzini.
Lo nto zange yothuse abaphathi beFree State nje kuphela, nabalandeli bebhola nje ngokubanzi bashiyeka bezibuza imibuzo. Ngoku eli qela libhengeze indoda yase-Italy egama linguGiovanni Solinas njengomqeqeshi omtsha.
Le ndoda ineminyaka engamashumi amane anesixhenxe kuthiwa iqeqeshile apha kwilizwekazi le- Afrika, phaya kumazwe asemantla, amaqela afana ne-ES Setif yase-Algeria. Ngoku lo Mtaliyane ungena kwesi sisikhundla sishiywe nguMiddendorp, othathwe yiMaritzburg United ekupheleni konyaka ka’2015, engaziwa enjalo apha eMzantsi Afrika.
Eli qela liqale le sizini liqeqeshwa nguKinnah Phiri, owanikwa uphum’aphele emva kwemidlalo embalwa angazange afumane ziphumo zihle kuyo. “Sileli qela sazisa ukuba uSolinas uzakuncediswa yindoda eyayidlalela aBafana Bafana, uBradley Carnel, onolwazi kakhulu ngebhola yaseMzantsi Afrika ,”utshilo umphathi weFree State Stars, uRantsi Mokoena.
IFree State izama ukusombulula imibandela ephathelene namaphepha mvume okusebenza. “Siye sanyanzeleka ukuba sifune umntu endaweni eshiywe nguMiddendorp, uGiovanni ngoyena mqeqeshi obenazo zonke ezi zinto sizifunayo,” utshilo uMokoena. “Lo ngoyena mqeqeshi uchanekileyo, usemncinci kwaye usafuna ukuzenzela igama. Imbali yakhe iyamthethelela.
Uzimisele ukufunda. Ukusebenza kwakhe apha e-Afrika kuzakumnceda. Siyamamkela uSolinas futhi simnqwenelela okuhle,” utshilo uMokoena. Umdlalo wePSL olandelayo weFree State Stars izakuqubisana neGolden Arrows ngoMgqibela wale veki.
Kubanjwe abarhanelwa abangama84 kwisithili saseSarah Baartman