IFree State Stars ihleli kwindawo yesibini kwiPSL

Mpho Makola of Orlando Pirates is challenged by Makhehleni Makhaula of Free State Stars players during the Absa Premiership match between Free State Stars and Orlando Pirates on 16 December 2017 at Goble Park Stadium Pic Sydney Mahlangu/BackpagePix

Ezimnyama
zigoduke zithokombisile namhlanje emva kokubethwa ngo’2-1 yiFree State Stars
kumdlalo obunzima kakhulu we-Absa Premier Soccer League eGoble Park Stadium
ngale ntlwa. Le yimpumelelo yesibini kwimidlalo elandelelanayo ezuzwe yiFree State
kule veki. Phakathi evekini iguqise phantsi iSuperSport United ngo’1-0  kumdlalo wePSL eGoble Park emva kokuvuthululwa
kakubi kakhulu ngo’3-0 yiBloemfontein Celtic kumdlalo wobukhaya kwiveki
ephelileyo. Ngoku eli qela likaLuc Eymael lihleli kwindawo yesibini kwiPSL emva
kokuqokelela amashumi amabini anesibini wamanqaku.

Ngumdlalo wesithathu
lo i-Orlando Pirates ingakwazi ukuphumeleli. Ngoku ivala unyaka iphantsi
koxinizelelo kwakhona nangona ibike yaphezulu kwiPSL kwiiveki eziphelileyo. Ukungakwazi
kweefolosi ukusebenzisa amathuba emidlalweni ise yeyona nto iyingxaki kwiBucs. Nakulo
umdlalo bekukho lo ngxaki. UJustin Shonga uye wajongana nonozinti ngqo kumzuzu
wokuqala kwisiqingatha sokuqala – kodwa akakwazanga ukumbetha uBadra Ali
Sangaret. UJackson Mabokgwane uvale ibhola ebikhatywe nguSiphelele Mthembu –
obeyint’ ibila kubadlali basemva bePirates.

Umdlalo ububaleka
kwaye omabini amaqela ebekufuna ukufaka amagowuli. ULuvuyo Memela noNtsikelelo
Nyauza bazamile ukugqobhoza kubadlali basemva beStars – kodwa unozinto
akavumanga. Kuyiwe kwixesha lokuphumla kungekho gowuli ebhodini. Izinto zitshintshile
kwisiqingatha sesibini, u-Abbubaker unyanzelwe nguSinethemba Jantjie ukuba enze
impazamo ebangele afake igowuli kunozinti wakhe. UThabiso Kutumela ufake
elokulinganisa emva kokunikelana kakuhle kwabadlali beBucs – kodwa uJantjie
uphinde wafaka elesibini igowuli. Kwaphela ngePirates ebinethemba lokugowuka
nempumelelo kulo mdlalo. Ukufakwa kukaThamsanqa gabuza kwisigaba sesibini
akuyincedanga iPirates kwade kwase kugqibeleni.


Free Stars: Sangare, Mobbie, Keita, Teyise, Makhaula,
Potsane, Masehe, Vilakazi, Jantjie, Dlamini, Mthembu.

Orlando Pirates: Mabokgwane,
Chabalala, Shitolo, Nyauza, Matlaba, Mobara, Nyatama, Memela, Makola, Kutumela,
Shonga.