
UFadlu Davids
uchulumancile entliziyweni yakhe emva kokuba iqela lakhe liqokelele amanqaku
amathathu namhlanje. IMaritzburg United iquthise kabuhlungu iFree State Stars ekundleni
yayo ngamagowuli amathathu eqandeni (3-0) kumdlalo we-Absa Premier Soccer
League obubanjelwe eGoble Park Stadium ngale njikalanga. Le mpumelelo ziindaba
ezimnandi kakhulu kuyo ngoba ifumana ithuba lokwenza umtsi oya phezulu emva
kokubethwa ngo’1-0 yiSuperSport United kumdlalo obuphakathi evekini. Umdlalo uqale
ngezinga eliphantsii ngenxa yengqantsini yelanga egqugqisayo kwilizwe loMzantsi
Afrika. Kuye kwanyanzeleka ukuba yenze inguqu zisuka iTeam of Choice emva
kokuba ukapteni wayo, uBevan Fransman, ethe wonzakala kwimizuzu yokuqala
umdlalo uqalile. Indawo yakhe ithathwe nguRushine De Reuck – ofike wenza
umsebenzi oncomekayo kakhulu.
Igowuli lokuqala
lifakwe ngu-Andrea Fileccia emva kweennzame ezenziwe nguThabo Maphakisa okhabe
ibhola ebhabhe phezulu. Elesibini igowuli lifakwe ngu-Evans Rusike kwaze
kwalandela elikaBandile Shandu. Emva koko iMaritzburg United ithathele kuyo
ulawulo lomdlalo ngokupheleleyo.
uLuc Eymael, uzamile ukulola iinduku zakhe ngokufaka uMohamed Anas no-Edward
Manqele – kodwa ngelishwa lakhe abenzanga tshintsho. Nangona ibethiwe nje iFree
State Stars kodwa isahleli kwindawo yesithathu kwiPSL. Yona iMaritzburg United
inyukele kwindawo kwindawo yesine.
Teyise, Makhaula, Tchilimbou, Maphakisa, Jantjie, Mthembu.
Amalalela: Mbambo, Mahamutsa, Dlamini Manqele,
Vilakazi, Hlubi, Anas.
Maritzburg United: Ofori, Sanoka, Onyango,
Fransman, Xulu, Makaringe, Maboe, Mekoa, Ndlovu, Rusike , Fillecia.
Amalalela: Mpandle, Shandu, De Reuck,
Mokate , Matima, Atouba ,
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?