IFree State Stars iya eKapa kumdlalo wokugqibela

Sinethemba Jantjie of Free State Stars tackled by Tsepo Masilela of Kaizer Chiefs during the 2018 Nedbank Cup semi final match between Kaizer Chiefs and Free State Stars at Moses Mabhida Stadium, Durban on 21 April 2018 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Emva kokusebenzisa
amathuba ewafumeneyo, iFree State Stars iya kumdlalo wokugqibela weNedbank Cup
okokuqala emva kokuhlaza iKaizer Chiefs phambi kwabalandeli bayo. IFree State
Stars ibethe iChiefs ngo’2-0 othuleyo kumdlalo obubukelwe ngamaqakawaka
abalandeli eMoses Mabhida Stadium kobu busuku banamhlanje. Ukubethwa kweChiefs
kuthetha ukuthi kuphele naloo ntlantsi yethemba lokufumana indebe ibikhona phambi
kokuvalwa kwesizini. Amathuba emdlalweni ebekhona kakhulu kwizigaba zozibini
zomdlalo – kodwa yiFree State Stars ekwazileyo ukuwasebenzisa. Umdlali ohlabe ngekrele
Amakhosi entliziyweni nguHarris Tchilimbou.

URyan Moon
uphose inqwaba yamathuba kwisigaba sokuqala – akuphelelanga apho ngoba iChiefs
iphose phantsi amathuba angaphaya kwesihlanu ebekufaneluba iwasebenzisile. UJoseph
Molangoane, uBernard Parker noHendrick Ekstein akukho nto bangayizamanga –
kodwa abadlali beFree
State
baqinisekise ukuba
iChiefs ayicholi naphantsi emdlalweni namhlanje. UThela Ngobeni, unozinti
owayefudula edlalela iChiefs, ube ngumqobo namhlanje endlaleni yayo eya
empumelelweni. Lo nozinti unikwe iwonga loyena mdlali obalaseleyo emdlalweni
emva kokuchitha nokuba iibhola eziliqela emdlalweni.

Emva kokungena
kwabadlali abafana noLeonardo Castro, uDumisani Zuma noRamahlwe Mphahlele
akubangakho mahluko kwicala lamagowuli nangoba imigudu ibikhona. Nanamhlanje
uSteve Komphela uyakukhala ngento enye awayekhala ngala kule minyaka mibini
igqithileyo – ukungasetyenziswa kwamathuba ziifolosi zakhe phambi kweepali. Umqeqeshi weFree State,
uLuc Eymael, uphume encume olukabhulankethe emva kokuthatha iqela alise
kumdlalo wamagqibela kankqoyi weNedbank Cup okokuqala kwimbali yalo.