
Indlela
yeChippa United kwiNedbank Cup iphelile ngale njikalanga yanamhlanje. Oku
kwenzeke emva kokuba iiChilli Boys zibethwe yiFree State Stars ngo’2-1 kumdlalo
obeshushu kakhulu kwisiqingatha sesibini somdlalo eGoble Park Stadium.
afakwe nguPaulus Masehe kumzuzu wokuqala kwisiqingatha sesibini somdlalo emva
kokufumana ibhola entle ekhatywe nguSinethemba Jantjies ekoneni, elesibini
lifakwe Bangali Keita. Elokubika ekhaya leChippa lifakwe nguLinda Mntambo emva
kokukhaba ibhola entle ebibekwe phantsi ngaphandle kancinci kumhlaba kanozinti.
Isiqingatha
sokuqala siphelile kungekho qela libhalisileyo ebhodini. Nakubeni kunjalo
uThela Ngobeni, unozinti
ngabadlali beChippa United abafana noThabo Rakhale noMark Mayambela. Umgangatho
womdlalo ubungekho phezulu kangako njengokuba bekulindelekile xa kudibene
amaqela anabadlali abayibeka phantsi ibhola xa bedlala. Isigaba sesibini
somdlalo sesona esithe sanika umdla kakhulu ngoba kubekho amagowuli amathathu
onke athe afakwa. Esi sisiqalo esingesihlanga kuVladislav Heric ongene endaweni
kaTeboho Moloi ogxothwe kwiveki ephelileyo – kodwa uyakufumana ithuba lokuphindisa
xa la maqela edibana kumdlalo we-Absa Premier Soccer League ozakube useMonti
kwiveki ezayo.
IBaroka FC,
eqeqeshwa nguMcDonald Makhubedu, idlulele kumjikelo olandelayo weNedbank emva
kokuba ibethe Steenburg United ngo’2-0 kumdlalo obubanjelwe e-Old Peter Mokaba
Stadium emalanga namhlanje. Kanti izolo Ubuntu FC iye phambili emva kokubetha
AmaZulu FC ngo’3-2 kumdlalo obumhle kakhulu.
Free Stars: Ngobeni, Masehe,
Mobbie, Mahamutsa, Keita, Phungwayo, Anas, Tchilimbou, Dlamini, Jantjie, Cosse.
Amalalela: Sangare,
Makhaula, Vilakazi, Mthembu, Mashego, Teyise, Klaas.
Chippa United: Mhlongo, Macheke,
Okwuosa, Nsabiyumva, Lentjies, Rakhale, Hachi, Mabaso, Mayambela, Sali, Macuphu.
Amalalela: Akpeyi, Mdlinzo,
Seanego, Mzwakali, Bergman, Mntambo, Manqele.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?