IFree State Stars ziintshatsheli ezivunyiweyo zeNedbank Cup!!!

Goodman Dlamini of Free State Stars battles for the ball with Bandile Shandu of Maritzburg United during the 2018 Nedbank Cup Final between Maritzburg United and Free State Stars at Cape Town Stadium on 19 May 2018 © Chris Ricco/BackpagePix

Emva
kokumdlalo obunzima kakhulu eCape Town Stadium, iFree State Stars iphumelele
indebe yayo yesibini emva kweminyaka engamashumi amabini anesine.
Igowuli elinye emdlalweni elifakwe nguGoodman Dlamini lilo eligwebe indlala
ebithe mbende iqela laseFree State. Nakubeni ingaphumelelanga iTeam of Choice –
kodwa izamile kakhulu. Isizini ka-2017/18 ibintle kakhulu kweli qela laseMgungundlovu
– kodwa ibingumqweno kaFadlu Davids ukuyivala ngokufumana indebe. Abadlali
abafana noThela Ngobeni noPaul Masehe benze umahluko omkhulu kakhulu kwiFree State ngoba bazuza amava kumaqela
ababewadlalela ngaphambili. ULuc Eymael uvuye kakhulu emva komdlalo ngoba iqela
lakhe liza kudlala kwiCaf Confederation Cup kunyaka ozayo.

IFree State
Stars iye kwixesha lokuphumla inkqenkqeza phambili ngegowuli elinye emdlalweni
emva kwebhola evalelwe emnatheni nguGoodman Dlamini ekuzeni kuphela
kwesiqingatha sokuqala. UDlamini unikelwe ibhola entle nguSinethemba Jantjie
obeyikhathaza kakhulu iMaritzburg United emdlalweni. Iqela laseMgungundlovu
lidlale umdlalo walo wesiqhelo onesintya eziphezulu – kodwa abadlali beFree State
basemva abafana noRooi Mahamutsa noPatrick Phungwane bavale kwanto. Noxa iFree
State
ibikulo ngxaki
yokuhlaselwa – kodwa ithuba elivelileyo lisetyenziswe kakuhle kakhulu
ngabadlali.

Aqale apho
ebeyeke khona kwisiqingatha sokuqala emva kwekhefu. IMaritzburg, njengeqela
ebehamba emva ngegowuli, yiyo ehlasele kakhulu isebenzisa abadlali
abasemaphikweni. Ikwzile ke kkodwa iFree State Stars ukubambelela nokukhusela
igowuli layo elifumene kwigaba sokuqala somdlalo. Emva kokugqibela ukuphumelela
indebe ngo-1994, iFree State Stars izuze indebe yayo yesibini emva kokubetha
iMaritzburg United. Nakubeni ibilityeli lokuqala kudlalelwa umdlalo wokugqibela
weNedbank Cup, abalandeli bebhola bebephume ngobunzi kwaye bagoduke bexolile
ngumdlalo obuphucukile odlalwe ngamaqela omabini. IFree State Stars igoduka nezigidi ezisixhenxe (R7-million).

 

Maritzburg United: Ofori, Fransman, Xulu, Shandu, Sanoka, Maboe, De Reuck,
Makaringe, Ndlovu, Fileccia, Mekoa. 

Amalalela:
Mpandle, Eksteen, Matima, Kunene, Mokate, Atouba, Tlhone.

Free State Stars: Ngobeni,
Masehe, Mobbie, Mahamutsa, Keita, Phungwayo, Mthembu, Tchilimbou, Dlamini, Jantjie,
Vilakazi.

Amalalela: Sangare, Makhaula, Teyise, Anas, Mashego, Klaas, Cosse.