Ifumene indaba ezimnandi iSA Rugby kurhulumente

Gerhardus Oosthuizen Deputy Minister, Mark Alexander SARU President and Thembelani Thulas Nxesi Minister of Sport and Recreation during the 2017 Supersport Rugby Challenge Launch at the Bill Jardine Stadium, South Africa on 10 April 2017 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Abalawuli bombutho wombhoxo kweli lizwe bancume olukabhulanke emva kokunikwa ilungelo elipheleleyo ngurhulumente lokuzakuzela ukusingatha indebe yehlabathi ka’20123. Ezi nguqu zenziwe ngumphathiswa wezemidlalo omtsha, uThembelani Nxesi, ekuqaleni kwale veki. Umphathiswa uFikile Mbalula wazithintela iinzame zemibutho ethile ezazizama ukuzisa iitumente zehlabathi eMzantsi ngenxa yokungakwazi ukufikelela unika abantu abamnyama amathuba okudlala kwimidlalo eyonganyelwe ngabantu abamhlophe. Yimidlalo efana nombhoxo, ezembaleni, iqakamba nomnyazi ezavalwayo le ichaphazelekayo.

“Ndifuna ukuhalalisela umbhoxo, iqakamba nomnyazi ngokuzizama izinto urhulumente ebekade ekhala ngazo. Amalungelo okuququzelela iitumente zehlabathi ayabuyiselwa ngokusesikweni – kodwa kwicala lezembaleki asikoneseki ncam,” utshilo uNxesi kwingxelo ekhutshwe yiSA Rugby.

Urhulumente ukhuthaza ukunikwa kwabantu abamnyama amathuba ngokufanayo nabamhlophe okuthatha inxaxheba emidlalweni ngokohlukana kwayo. UMzantsi Afrika ukhuphisana neFrance ne-Ireland ngamalungelo wokusingatha itumente yombhoxo. Isigqibo sizakuthathwa ekupheleni kwalo nyaka.