Ifumene iziqwayi zabadlali iChippa

UBrighton Mhlongo ngomnye wabadlali abatsha beChippa United umfanekiso: Samuel Shivambu/BackpagePix

Abaphathi beChippa United babonisile ukuba bazimisele ukulungisa iimpazamo zabo ngokuthi batyikitye iziqwayi zabadlali phambi kwesizini entsha.

IiChilli Boys zibhengeze abadlali abatsha abaquka uBrighton Mhlongo, uJames Okwuosa, uMahlatse Makudubela – bonke basuka kwi-Orlando Pirates. Kubekho noMark Mayambela osuka kwi-Ajax Cape Town. Nangona bekukho ukungacaci ngoMhlongo – kodwa ikhawuleze yalungiswa lo nto.

Kuye kwacaca gca ukuba lo nozinti uzakusokola kwicala lokufumana imidlalo kwiBucs emva kokuchwethelwa ecaleni kwakhe ngumqeqeshi nasemva kokufika kukaWayne Sandilands kwiveki ephelileyo.

UMayambela ubuyela eBhayi emva kokudlalela i-Ajax kwisizini ephelileyo. Wemka kwiChippa ngo-2016 emva kokuthengwa yiSuperSport United – kodwa ngelishwa lakhe izinto zange zimhambele kakuhle phantsi kukaStuart Baxter.

Lo mdlali utyikitye isivumelwano seminyaka emithathu kwiChippa.

Konke oku kungqinwe ngusihlalo weChippa United, uSiviwe Mpengesi, kwincoko ayenze kunomathotholo waseGoli kule veki.

Injongo yeqela lakhe kukulungisa iimpazamo ezenzeke kwisizini egqithileyo nokuqinisekiswa ukuba iChippa United idlala umdlalo wayo othandwayo ngabantu nokubethelela indawo yayo phakathi kwamaqela aphambili kwiPSL.

“Sivumelene ngabadlali abathathu nePirates. Abobadlali nguMhlongo, uJames Okwuosa noMahlatse Makudubela. Sikuxolisele ukuthiwa pahaa kwezinto kungalandelwanga indlela efanelekileyo ngaphandle efanelekileyo. Ndithethile noMhlongo, sevana ngayo yonke into – kugqityiwe ngoku,” utshilo uMpengesi.

Bobane ababadlali ngoku baziqeqesha neChippa kwinkampu eseThekwini. Bafikela kuKurt Lentjies otyikitywe kwinyanga ephelileyo.

Izakhono nokusebenza ngokuzimisela kwaba badlali ebafumeneyo iChippa akuthandabuzeki futhi bazakuwenza umahluko emva kokusinda ezembeni kwisizini edlulileyo.

UThamsanqa Sangweni, uDavid Zulu, uLinda Shiba ngabanye babadlali abamkileyo kwiChippa.