Umbutho olawula iqakamba, iCricket South Africa, ufuna inguqu ebonakalayo kwiqela lesizwe.
Abalawuli balo mbutho bafuna umyinge wabadlali abamnyama abangaphaya kwamashumi amahlanu (54%) – kodwa ebaleni banqwenela umyinge olishumi elinesibhozo wabadlali abamnyama kumdlalo ngamnye odlalwa nguMzantsi Afrika. Eli lilinge elizanywa sisigqeba esilawula iqakamba ngenjongo zokuqhubela phambili nokusondezwa kwalo mdlalo ebantwini obukade uchasele kubo kwilizwe lonke loMzantsi Afrika.
“Eyona nto ikhuthazayo kuyo yonke le nkquleqhu kukuba iqela lesizwe lisekhondweni elihle. Inkqubela eyenziwa kwiProteas ingaphaya komsebenzi ebesiwulindele,” utshilo uChris Nenzani, usihlalo weCricket South Africa.
“Kwiqela loMzantsi Afrika elidlale umdlalo wovavanyo kutshanje nelizwe laseNew Zealand, belinabadlali abathandathu bebala nabadlali ababini abamnyama. Kanti wona umdlalo we-ODI iqela belinabadlali abasibhozo bebala. Kumdlalo neWest Indies ne-Australia, kwiqela lesizwe bekukho abadlali bebala abathandathu kunye nesithathu sabadlali abamnyama.
Njengangoku sekukho umqela owenziweyo ngabachongi bethu – sicinga ukuba abaphathi beqela bakutsho bakwazi ukumelana neemeko ukusukela ngoku ukuya phambili. Kuyabonakala ukuba le nto siyifunayo iyenzeka kwaye siyakwazi nokukhuphisana namanye amazwe kumgangatho ophezulu,” utshilo uNenzani.
Umphathiswa weZemidlalo eMzantsi Afrika, uFikile Mbalula, ufuna ukubona utshintsho kumaqela esizwe anabadlali abamnyama abambalwa.
Ekuqaleni kwalo nyaka uMbalula uxelele bonke abaphathi bemidlalo ukuba urhulumente akasoze aphinde awaxhase amaqela angafuni ukwenza iinguqu.
Kungoku nje abalawuli bombhoxo baxakene nento emva kokungafumani inkxaso karhulumente kwilinge labo lokusingatha indebe yehlabathi ka’2023.
Izimvo zabafundi ngokuyalwa komtshakazi