Ifuna intshinga yehlabathi inkampu kaFuzile

Unamashumi amabini anesibini kuphela eminyaka – kodwa uAzinga Fuzile ubonwa njengenye yeembethimanqindi ezinekamva eliqaqambileyo eMzantsi Afrika.

Njengokuba kuqala unyaka, kulindeleke uFuzile enze izimanga kwiqonga lamanqindi nanjengoko ejonge ukuzenzela igama kwi-IBF International Junior Lightweight.

Kungokunje uFuzile ubila esoma enkampini – apho alungiselela itumente eququzelelwa yiRumble Afrika Promotions.

URomulo Koasicha yindoda eza kuxhimfana noFuzile kwitumente enkulu ezayo emlweni we-IBF International.

Umqeqeshi kaFuzile, uCollin Nathan, uthi uKoasicha uza kuyivavanya kakuhle imbethimanqindi yakhe elambele ukulwela intshinga yehlabathi kulo nyaka.

“UFuzile yimbethimanqindi ekwizinga eliphezulu. Kunyanzelekile ukuba alwe neembethimanqindi eziza kuvavanya isakhono sakhe futhi neziza kumsondeza kwiphupha lakhe lokulwela intshinga yehlabathi. Ndikholelwa kwelokuba ukulwa nembethimanqindi enamava efana noKoasicha kuza kumnceda kakhulu. UKoasicha uza kumvavanya uFuzile,” utshilo uNathan.

UNathan uthi eyona nto bayifunayo kulo nyaka kukubona uFuzile esilwela intshinga yehlabathi.

“Asikhathali nokuba ulwe nayiphi na intshatsheli, kodwa sifuna ukulwela intshinga yehlabathi,” uNathan utshilo.

UFuzile uyiphumelele yolishumi elinesithathu imilo yakhe kudidi oluphezulu. Kumlo wakhe wokugqibela wangqengqisa uIbraham Class waseTanzania kumjikelo wesixhenxe eOrient Theatre.

Amaxhoba akhe aquka owayesakuba yintshatsheli yeIBF, uMalcom Klassen, awambetha wanikezela kumjikelo wesine.

UKoasicha, 27, ubethwe amatyeli asixhenxe kwimilo engamashumi amathathu anesine. Uphumelele imilo engamashumi amabini anesixhenxe.

Lo kaKoasicha ulwe neentshatsheli zehlabathi ezifana noVasly Lomachenko noLee Selby.

isibhalo@inl.co.za