Ifuna ukudlala imidlalo yeCaf, iPlatinum

Ibuyele kwindawo yesithathu iPlatinum Stars kwiPSL emva kokuba izuze amanqaku apheleleyo ngoMvulo.

IDikwena yothuse AmaBhakabhaka xeshikweni iwabetha ngamagowuli amabini kwelinye [2-1] kumdlalo wePSL eRoyal Bafokeng Stadium. Ibuyele endaweni yayo iPlatinum emva kokulahlekelwa kwimidlalo emibini yonke phambi kwalo iwuphumeleleyo ngoMvulo.

Iqela likaCavin Johnson lidlale kakuhle futhi bekucaca mhlophe ukuba liyifundile indlela iPirates edlala ngayo. Siphele isigaba sokuqala ihamba phambili iDikwena.

Omnye wabadlali abakhathaze iBucs ngumdlali owayesuka kuyo, uNdumiso Mabena.

Lo kaMabena ufake ibhola entle kakhulu ngesithende esishiye uBrighton Mhlongo esisifu ngumsindo. Eli qela laseMntla Ntshona linethuba lokudlala kwiCaf Confederation Cup ukuba iphela isizini likwindawo yesithathu. Uyivuyele le mpumelelo kakhulu uMabena watsho encoma oogxa bakhe ngokuzimisela. “Yah! Njengokuba izicwangciso zethu zingahambanga kakuhle, sifuna ukudlala kwiConfederation Cup,” utshilo uMabena.