Ifuna ukuziphindezela iBafana Bafana

Umqeqeshi weBafana Bafana uShakes Mashaba Umfanekiso: Twitter
Nangona iBafana Bafana ingayi kwimidlalo ye-Afcon 2017 – kodwa izimisele ukuziphindezela kwiMauritania kumdlalo oseMbombela Stadium ngentsimbi yesixhenxe ngokuhlwa kwangoLwesihlanu. Umdlalo wokuqala phakathi kwala maqela waphunyelelwa yiMauritania ngo’3-1. Lo, ngomnye wemidlalo owathez’ amandla aBafana Bafana kwiinzame zabo zokudlala kwi-Afcon. 
UShakes Mashaba uthe ufuna into enye kulo mdlalo, impindezelo. “Sifuna ukuziphindisela kwiMauritania,” utshilo uMashaba. Amalungiselelo weqela lesizwe aphazanyiswe kukurhoxa kwabadlali kukaRivaldo Coetzee ngenxa yempilo, noPrince Nxumalo otsaleke umsipha. Kwiindawo zabo kubizwe uDiamond Thopola weChippa United noThabiso Kutumela we-Orlando Pirates. 
Baliqela abadlali beSA  Under-23 kwiBafana Bafana ekulindeleke ukuba banikwe ithuba lokudlala kule midlalo mibini izayo, ngakumbi abo bebeyinxalenye yeBafana ngethuba ibuya nendebe yeCosafa eNamibia nabadlali kwi-Olimpiki eRio de Janeiro kutsha nje. “Kufuneka kubekho ihlumelo. Umyalelo esawunikwayo uthi masakhe iqela ngokombono weSafa, iVision 2022. 
kule midlalo mibini sizimisele ukusebenzisa abadlali abafana no-Abbubaker Mobara, Denwin Farmer, Keagan Dolly, Gift Motupa no-Aubrey Modiba,” utshilo uMashaba. IBafana iya kule midlalo iqhwalela ngenxa yokungabikho kuka-Eric Mathoho owonzakele kwimidlalo ye-Olimpiki eBrazil – kodwa kulindele ukuba umdlali weBidvest Wits, uThulani Hlatshwayo, akhokele eli qela phaya emva. 
Ulamkele oloxanduva uHlatshwayo kwaye ufuna iqela lesizwe liwuphumelela umdlalo wangoLwesihlanu eMpumalanga. “Umqeqeshi uyasazi ukuba singawenza umsebenzi asibizele wona. Wonke umdlali uzakuzimisela ebaleni. 
Sizimisele ukudlalela uMzantsi Afrika kwaye wonke umntu ukhuthazekile phambi kwalo mdlalo. Sizakudlalela ukuwuphumelela umdlalo ngoba ibalulekile kuthi lo nto,” utshilo uHlatshwayo. UMzantsi Afrika uzakudlala neYiphutha kumdlalo weNelson Mandela Challenge e-Orlando Stadium kwiveki ezayo.