Abalandeli bebhola ekhatywayo eMzantsi Afrika bavuya kakhulu emva kokuba iEthiopia ibambene neGhana ngegowuli elinye macala (1-1) emdlalweni ohlakulela itumente yehlabathi obubanjelwe e-Orlando Stadium ngenjikalanga yanamhlanje. Ukuxhaywa kweGhana emdlalweni wanamhlanje kunika uMzantsi Afrika ithuba elihle lokuvula umsantsa ukuba ukwazile ukuqokelela amanqaku owadingayo emidlalweni yale veki.
Kuyiwe kwixesha lokuphumla iGhana inkqenkqeza phambili ngegowuli elifakwe ngu-Andrew Ayew, odlalela eWest Ham United, emzuzwini weshumi elinambini umdlalo uqalile kwisigaba sokuqala. Abadlali beGhana bebedlala ibhola yabo yesiqhelo – kodwa iEthiopia ibisoloko isilwa nakubeni iibhola zayo bezingafiki kunozinti.
Zijikile izinto emzuzwini wamashumi asixhenxe anesibini ngethuba uGetaneh Kebede efaka igowuli lokulinganisa emva kokudlalelwa ibhola entle ngoogxa bakhe. Emva komdlalo wamanhlanje, iGhana isahleli kwindawo yesibini nangona ineshumi lamanqaku ngokulinganayo noMzantsi Afrika osenomdlalo esandleni.
Kunyanzelekile aBafana Bafana bayibethe iZimbabwe abadlala nayo ngentsimbi yethoba ebusuku namhlanje eFNB Stadium. Ngokwenza njalo, baza kuya kwiGhana ngosuku lwangeCawe befuna nje inqaku elinye jwi ukuze bahlale kwindawo yokuqala kuGroup G. Ukuze iqela likaHugo Broos likwazi ukuya kumjikelo oza kulisa kwitumente yehlabathi, kunyanzelekile ukuba lingabethwa okanye maliyiphumelele yomibini imidlalo yale veki.
iSundowns ingombe iSibanye emdlalweni obutaka iintlantsi eLoftus Stadium!