Igoduka imongoza iSenegal evuthululwe yiNgilane emdlalweni weFifa World Cup

Igoduka imingoza iSenegal emva kokuvuthululwa ngamagowuli amathathu eqandeni yiNgilane emdlalweni weFifa World Cup obumhle eAl Bay Stadium ebusuku namhlanje. Omabini amaqela asiqale isigaba sokuqala kakuhle kakhulu. Iqela lika-Aliou Cisse liphantse layonzakalisa iNgilane kwa kwimizuzu yokuqala. UBaulaye Dia ukhabe ibhola embi esendaweni entle – kodwa uPickford uyirhawule ngesandla ayangena. UHarry Kane noBukayo Saka bebesoloko bekhangela izithuba ebadlalini beSenegal abadlala emva. UHarry Maguire, odlala emva kwiNgilane, ukhe wenza impazamo emhlabeni kaPickford kwatsho kwavela ithuba, ngelishwa ú-Ismaila Sarr ukhethe ukuyiqabelisa ngaphezulu kweepali ibhola.

AmaNgesi aqhufuze iqanda emzuzwini wamashumi amathathu anethoba. Ibhola yawo ifakwe nguJordan Henderson emva kokunikelwa ibhola ebiqalwe yadlalwa nguHarry Kane. Kwixesha likasompempe kwisigaba sokuqala, uHarry Kane ifake igowuli lakhe lokuqala kwiFifa World Cup yalo nyaka emva kokunikelwa ibhola nguPhil Foden obesekhohlo. Kuyiwe kwisigaba sesibini sekubonakala ukuba iSenegal ayinamandla kakuhle. Ingenile ebaleni kwisigaba sesibini yazama kwakhona. Eyona nto ethe yaqapheleka kukuba ibingahlaseli ngamandla ebiqale ngawo umdlalo. Ibilindelekile ke kambe lo nto emva kokophulwa kwayo amalungu ngamaNgesi kwisigaba sokuqala ebesisihle.

UCisse ukhuphe uKrepin Diatta, endaweni yakhe ufake uPape Sarr. Kwaphuma u-Iliman Ndiaye, endaweni yakhe kwafakwa uCheikh Dieng. Bekunzima kwiSenegal ukudlala ngendlela ebiqale ngayo ngoba iNgilane ibizixelele ukuba ngeke ivule kungene igowuli. USaka ufake elakhe igowuli ekungcwatywe ngalo iSenegal. Emva koko, uGareth Southgate umkhuphe uSaka wafaka uMarcus Rashford indlela eya kwisigaba esilandelayo kwitumente yehlabathi sesicacile. Iphume kanjalo ke iSenegal ebekuthenjelwe kuyo yiAfrika emva kokutshatshela kwiAfrica Cup of Nations ekuqaleni konyaka. Kodwa kuyo yonke imidlalo, ukungabikho kukaSadio Mane bekubonakala.