iGolden Arrows imgxothile uLehlohonolo Seema emva kwesithwakumbe sayizolo

ULehlohonolo Seema obeqeqesha iLamontville Golden Arrows ugxothiwe namhlanje. Umfanekiso: Gerhard Duraan/BackpagePix

Abaphathi beGolden Arrows bagqibe kwelokuba mamgxothe umqeqeshi emva kwesithwakumbe sokubethwa kweqela labo ngendlela embi kakhulu izolo. ULehlohonolo Seema unikwe uphum’aphele liqela laKwaZulu-Natal emva kokuvuthululwa yiMamelodi Sundowns ngenqwaba yamagowuli amathandathu eqandeni (6-0) emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eLoftus Stadium ngorhatya lwayizolo. Kucacile ukuba abaphathi khange baxole yindlela elidlale ngayo iqela. Namhlanje bakhuphe ingxelo ebhengeza ukuhamba kwakhe uSeema ofike kuyo (iGolden Arrows) ekuqaleni kwesizini esongwayo.

“SiyiLamontville Golden Arrows sifuna ukwazisa abantu ukuba sohlukene noLehlohonolo Seema obengumqeqeshi ngemvisiswano,” itshilo ingxelo ekhutshwe liqela kumakhasi onxibelelwano emalanga namhlanje. USeema ukhululwe ngaphandle kwamazwi ombulelo asuka kwiGolden Arrows ayisebenzele ukusukela kunyaka ophelileyo. Umqeqeshi ukhululwe iGolden Arrows ihleli kwindawo yethoba emva kokuqokelela amashumi amathathu ananye amanqaku emidlalweni engamashumi amabini anesine.

Phantsi kwesandla sakhe uSeema, Abafana Bes’thende baphumelele imidlalo esixhenxe yeDStv Premiership, babethwe kwesixhenxe baze badlala ntanganye kwelishumi. Nangona ingaqhubanga kakuhle njengakwisizini egqithileyo isaphethwe nguMandla Ncikazi okwiPirates ngoku – kodwa ikhe yaqhothosa kwiMTN8 Cup. UVusumuzi Vilakazi noMabhuti Khenyeza baza kuqeqesha iGolden Arrows ngokubambisana kude kuphele isizini. Abafana Bes’thende baza kudibana neSekhukhune United emdlalweni weDStv Premiership oza kube usePrincess Magogo Stadium kwiveki ezayo.