Igoloze kwaphela iHighlands enkundleni yayo

Happy Jele of Orlando Pirates challenges Peter Shalulile of Highlands Park during the Absa Premiership match between Highlands Park and Orlando Pirates on 15 April 2017 at Makhulong Stadium ©Sydney Mahlangu /BackpagePix

Iyileyo igoduke nenqaku elinye phakathi kweHighlands Park ne-Orlando Pirates emva kokudlala ntanganye ngo’0-0 kumdlalo obushushu ngeyona ndlela eMakhulong Stadium ebigcwele ngabalandeli kobu busuku. Nangona umdlalo ubumnandi – kodwa amagowuli yeyona nto ibidingeka kulo mdlalo. Ukufumana kwayo inqaku iHighlands kulo mdlalo, zindaba ezimnandi kuyo ngoba idinga yonke into enokuthi iyisindise ezembeni lePSL ekupheleni kwesizini.

Umdlalo uqale ngezinga eliphezulu, i-Orlando Pirates ibiwulawula umdlalo esiswini. UMpho Makola no-Oupa Manyisa abancede iPirates kwimidlalo edlulileyo bebeyikhathaza kakhulu iHighlanda Park. Ukubuya kukaNtsikelelo Nyauza kunike uThabo Matlaba ithuba lokubuyela endaweni yakhe kwicala lasekhohlo – apho ebesebenzisana noMakola. Abbubaker Mobara uke wazama ukumvavanya uTapuwa Kapini – kodwa wafika ethe qwa ezipalini.

Nayo kwelayo icala iHighlands isidlale kakuhle isigaba sokuqala somdlalo. UThanduyise Khuboni ebesaba izitya, logama uFranklin Cale noLindokuhle Mbatha bebehlasela emaphikweni. Kuye kwanyanzeleka uSiyabonga Mpontshane asebenze izihlandlo abadlali beHighlands befun’intwibilapha phambi kokuphela kwesiqingatha sokuqala. Kodwa yibhola kaCale ebethe epalini ephantse yanyusa izibilini zabalandeli bePirates eshiye uMpontshane ethe natya phantsi.

Isigaba sesibini besinika umdlalo kakhulu ngoba la maqela omabini adlalele ukuwuphumelela lo mdlalo. UMakola uthe chu eyikhathaza iHighlands Park ekunxele noThembinkosi Lorch kwicala lasekunene. Amakhwenkwe kaGordon Igesund adlale lo mdlalo phantsi kolubi uxinizelelo ngenxa yendawo iqela elime kuyo kwiPSL. Kanti yona iPirates idlalela ukufumana indawo kwiTop 8 phambi kokuphela kwesizini ka’2016/17.

Emva kokuba uKjell Jonevret efake iifolosi ezimbini, uWome noNkosi, lo nto inike iPirates amandla ngakumbi okuya phambili kulo mdlalo. ULorch ukhutshiwe kulo mdlalo ngenxa yokwenzakala, indawo yakhe ithathwe nguLuvuyo Memela. Nakubeni iBucs ibihlasela ingayeki kwimizuzu yokugqibela yalo mdlalo – kodwa abadlali beHighlands bakwazile ukuzikhusela.