Igowuli likaNdoro lizibulele iiChilli Boys

UTendai Ndoro esika amadoda kumdlalo obuphakathi kweChippa United ne-Orlando Pirates eNelson Mandela Bay Stadium. Umfanekiso: BackpagePix

Phantsi kuka-Augusto Palacios, i-Orlando Pirates, iphumelele umdlalo wayo wesithathu emva kokubetha iChippa United ngo’1-0 kumdlalo we-Absa Premier Soccer League kwisithuba seyure edlulileyo eNelson Mandela Bay Stadium.

Igowuli lePirates lifakwe yifolosi etshisa bhe kwezintsuku – uTendai Ndoro. Ngoku lo mdlali waseZimbabwe unamagowuli alithoba emva kwemidlalo yePSL elithoba yeBucs kule sizini.

Ukufaka kwakhe amagowuli ngolu hlobo kumnika ithuba elihle lokuba abengoyena mdlali onamagowuli amaninzi ekupheleni kwesizini. Ngaphezulu koko kubonakala ngathi angafaka amagowuli athe kratya kunalawo afakwe kwiisizini ezidlulileyo.

Umdlalo ubumhle macala omabini kuba omabini la maqela ayibeka phantsi ibhola xa edlala. Ibhola ibisoloko ibanjwe yiChippa – kodwa into engakwazanga ukuyenza kukudlula kubadlali basemva beBhakaniya abafana noThemba Sikhakhane no-Edwin Gyinah – abakhusele unozinti kwade kwasekugqibeleni.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla iqela elindwendweleyo lihamba phambili ngegowuli elinye. Kwisigaba sesibini abadlali abafana noDavid Zulu noThembinkosi Lorch bazamile ukukhangela iindlela zokufumana igowuli – kodwa amatyeli aliqela bebefika uJakson Mabokgwane ethe qwa.

UMpho Makola, uLuvuyo Memela bagcine abadlali beChippa emva bexakekile – logama u-Oupa Manyisa no-Issa Sarr baqinisekise ukuba onke amacandelo afumana inkxaso efanelekileyo.

Kwimizuzu yokugqibela, iChippa United, ikhalele ithuba lokufumana ipenela eyivinjwe ngusompempe emva kokuwiswa kukaKatlego Mashego ebhokisini nguPatrick Phungwayo.

Naye uBuyani Sali ulifumene ithuba lokufaka igowuli lokulinganisa – kodwa yachithwa ibhola yakhe nguJackson – obenomdlalo omhle kakhulu namhlanje.

Komnye umdlalo i-Ajax cape Town izuze impumelelo yayo yokuqala ngethuba ibetha iPlatinum Stars ngo’3-2 namhlanje ebusuku.

Nayo iCape Town City ibethe iMaritzburg United ngo’3-2 yatsho yayokuthi ngcu phezulu kwiPSL.

Chippa: Akpeyi, Thopola, Kama, Okwuosa, Mako, Ngubane, Zuke, Mbenyane, Lorch, Mncube, Mashego

Pirates: Mabokgwane, Manyisa, Chabalala, Gyimah, Makola, Memela, Ndoro, Phungwayo, Rakhale, Sarr, Sikhakhane