Abantwana beelali eziphantsi kweTsholomnqa soze bawulibale umhla wamashumi amabini ananye kwinyanga yoMsintsi. Imini eqale ngogqatso lweembaleki ezisaze ngobuso ezweni ivalwe ngemidlalo yeHockey eqale emva kwemini emabaleni lesikolo sakwaSandile – apho bekudibene khona amaqela amakhwenkwe namantombazana kwitumente ebiququzelelwe nguSuperSport ovumbulula italente ezilalini.
ULathitha Klass noNeo Matoto bafumene iimbasa emva kokutshatshela kwicandelo leembaleki. Emva koko, kukhuphisene iTsholomnqa High, iXhama, iKhayelitsha, iMfunulwazi neGqala emidlalweni yeHockey. Okunike umdla kakhulu kukubona ukukhula kweHockey ezilali nakubeni ingumdlalo oxhaphake kwiindawo zabantu ababhetele ngokwentlalo nakwezoqoqosho.
Abantwana abangamakhwenkwe nabangamantobazana badlale ngokuzimisela futhi babonisa uthando lwabo lemidlalo. Bekumandi kwaSandile ngoba wonke umntu, obedlala nobebukele, bebemoyamnye futhi behloniphene. Amantombazaba esikolo saseGqala adlale ngendlela encumisayo ibhola futhi afaka namagowuli ngendlela emangalisayo.
IGqala ithathe indebe yetumente kaSuperSport ebiseTsholomnqa emva kokubhulela amasaka iKhayelitsha ngamagowuli amane eqandeni (4-0) emdlalweni wokugqibela wamantombazana adlala iHockey. Kanti nawo amakhwenkwe esikolo saseGqala aphumelele ngokubetha iXhama ngamagowuli amathathu kwamabini (3-2) emdlalweni wokugqibela weHockey. Utitshalakazi waseGqala School, uNksz. Jennifer Kekezwa, uzamkele ngovuyo olukhulu iziphumo eziveliswe ngamaqela omabini esikolo sakhe.
“Sancama ixesha lethu ukuze sixhase abantwana ngoba babonakalisa umdla kwiHockey. Nangona sihlala kude – kodwa siyeza esikolweni nangeempelaveki ngoba sabona indlela abayithanda ngayo abantwana iHockey. Sibulela abazali abaxhase abantwana. Bebephumile beyokuxhasa abantwana babo. Siphumelele ngoba sincame izinto ukuze silungiselele itumente. Sibulela kakhulu kuSuperSport,” utshilo uNksz. Kekezwa.
Lumka Oliphant: ‘Yekani utywala’