IGriquas idlulele kumagqibela kankqoyi

AmaGriqua adlulele kumdlalo wamagqibela kankqoyi emva kokubetha iGolden Lions namhlanje eSisa Dukashe Stadium. Umfanekiso: Uthunyelwe

Tafel Lager Griquas (27) 33

Golden Lions (0) 21

 

Ifikelele kumdlalo wamagqibela kankqoyi iTafel Lager Griquas emva kokubetha iGolden Lions ezamileyo kwisiqingatha sesibini kumdlalo weSuperSport Rugby Challenge namhlanje emini maqanda eSisa Dukashe Stadium ekwilokishi yaseMdantsane. Ngokufanayo nakumdlalo wokuqala kule nkundla, lo mdlalo obuphakathi kweGriquas neLions ubutak’ iintlantsi. Izincede ngokusebenza kakhulu kwisigaba sokuqala iGriquas ngoba iLions ibuye inamandla emva kwexesha lokuphumla, kangangokuba iphantse yayifumana.

SuperSport Rugby Challenge's photo.

Umdlalo uqale ngezinga eliphezulu. IGriquas ayiyiqheliselanga zisuka iLions kwisiqingatha sokuqala salo mdlalo. AmaGriqua alele kathathu emgceni kwisigaba sokuqala somdlalo afaka namapenela ewafumeneyo. Ngalo ndlela kuyiwe kwixesha lokuphumla iGriquas inkqenkqeza phambili ngo’27-0. Abanye babadlali beGriquas abasebenze kakuhle kulo mdlalo baquka uGeoge Whitehead ofake amapenela, u-Ederies Arendse, uChristiaan Meyer no-AJ Coertzen. Kwimizuzu elishumi yokuqala yalo mdlalo iLions ibicinezelwe yiGriquas – kodwa kuthe emva kwexesha abadlali babonakala beswabuluka. UMeyer, obeyinjini ebaleni, nguye owenzakalise iLions esizikithini sebala ngezaa bhola zakhe ebezityala esebenzisa isantya xa esiya phambili.

SuperSport Rugby Challenge's photo.

Abadlali beLions babuye benamandla angumangaliso kwisigaba sesibini. Baquqe bebuyelela kumhlaba weGriquas bekhangela amanqaku bade bavuzwa ngethuba belala emgceni bekwaqabelisa nepenela kwimizuzu emithandathu isiqingatha sesibini siqalile. UMichael Tambwe ufumene ibhola phakathi ebaleni, eshiya abadlali beGriquas phambi kokubeka ibhola phantsi kweepali. Kodwa nangona kubenjalo amanqaku khange atshintshe ebhodini ngoba ibisengu’27-14 kuhamba phambili iGriquas ebezinomdlalo ongacacanga kakuhle kwisigaba sesibini. Uphinde walala emgceni uTambwe kwalandela uShaun Reynolos ofake ipenela. Emva kwesiqingatha sesibini esinzima – iGriquas ikwazile ukuphumelela umdlalo oyithathe wayibeka kwimidlalo yamagqibela kankqoyi.