Igutyungelwe lilifu elimnyama iAfcon eseCameroon emva kokubhubha kwabantu

UPatrice Motsepe nguMongameli weCAF. Umfanekiso: Muzi Ntombela/BackpagePix

Itumente yebhola ekhatywayo, iAfrica Cup of Nations (CAF), ithiwe wambu lilifu elimnyama xa kanye iqala ukungena kuvuthondaba. NgoMvulo kubhubhe abantu abasibhoso bonke kwaze kwalimala abantu abaqikelelwa kumashumi amathathu anesibhozo ngethuba kuqhubeka umdlalo obuphakathi kweCameroon neComoros obuse-Olembe Stadium ebusuku. Iingxelo zithi abantu baye banyathelana ngethuba benyanzelisa ukungena ebaleni ebelingagcwaliswanga ngenxa yemithetho yeKhorona. Kuthiwa abantu abebefuna ukungena ebaleni bebeqikelelwa kumawaka angamashumi amahlanu. Lona ibala liginya abantu abangamashumi amathandathu.

Umdlalo uphele kuphumelele iCameroon ngo’2-1 emdlalweni iComoros elwe kakhulu kuwo idlala ngabadlali abalishumi emva kokukhutshwa komdlali wayo kwisigaba sesithathu. Emva kwesithwakumbe sokubhubha kwabantu befuna ukubukela umdlalo we-Afcon, kugqitywe kwelokuba umdlalo obuza kudlalelwa e-Olembe Stadium ngeCawe usiwe e-Ahmadou Ahidjo Stadium. NgoLwesibini, uMongameli weCAF, uGqirha Patrice Motsepe, uvakalise ukhukhathazeka kwakhe watsho evuma ukuba kubekho ukuhexa kwindlela abaququzeleli abalungiselele ngayo kwicala lezokhuselo.

“Ndazi kakuhle okokuba ngokomthetho, ikomiti eququzelelayo yiyo enoxanduva lezokhuselo. Kodwa nathi siyiCAF sinoxanduva lokuqinisekisa ukuba umntu ngamnye ukhuselekile,” utshilo uGqirha Motsepe ethetha namajelo eendaba. “Ukuba iheke ibivuli, ngesingalahlekelwanga yimiphefumlo yabantu. Bekuvaliwe ngenxa yezizathu ezingenakucaciswa. Kucace gca ukuba kubekho ukungenziwa kwezinto kakuhle. Ezinye izinto bekufanele ukuba zibonwe zingekehli ukuze sikwazi ukuqinisa ukhuselo. Kwakuhlonitshwa abaswelekileyo ngokuthi cwaka imizuzwana kwabadlali phambi kokuqala komdlalo emidlalweni elandelayo. Emva kwentlanganiso, iCAF iza kukhupha ingxelo egcweleyo,” utshilo uMotsepe.