Igwetyiwe indlala kwiPirates emva kokusokola emidlalweni eliqela

Tshegofatso Mabasa of Orlando Pirates (c) celebrates goal with teammates during the Absa Premiership 2019/20 football match between Orlando Pirates and Chippa United at Orlando Stadium, Johannesburg on 14 September 2019 ©Gavin Barker/BackpagePix

Igwetyiwe
indlala kwi-Orlando Pirates emva kwexesha elide isokola. Ezimnyama zifumene
impumelelo yazo yesibini kule isizini emva kokuba zibethe iChippa United
ngamagowuli amabini kwelinye (2-1) emdlalweni we-Absa Premiership obumhle
e-Orlando Stadium emalanga namhlanje. Kuthe qabu nakumqeqeshi wePirates,
uRhulani Mokwena, ofumene impumelelo yakhe yokuqala njengomqeqeshi ukusukela
mhla wathatha isihlalo esashiywa nguMilutin Sredojevic. URhulani wothuse abantu
abaninzi ngokukhetha ukuqala umdlalo ngonozinti ofikayo, uJoris Delle, endaweni
kaWayne Sandilands odlale kakuhle kakhulu kule sizini. Abanye abadlali abaqale
umdlalo nguTshegofatso Mabaso owenze ezibukwayo noThembinkosi Lorch. Nangona
iqela likaClinton Larsen likwazile ukuvala kwisigaba sokuqala – kodwa ziye
zajika izinto kwesesibini.

Omabini amaqela
aye kwixesha lokuphumla kungekho elikwazileyo ukubhalisa ebhodini. Nakubeni kunjalo,
iPirates lelona qela elizamileyo ukudala amathuba amahle futhi kubonakala ukuba
ifuna ukuwuqoshelisa umdlalo kusakhanya – kodwa uPatrick Tignyemb khange avume
konke konke ezipalini. Abadlali beChippa United bebexakeke kakhulu emva ngenxa
yoxinizelelo elubekwe kubo ngu-Augustine Mulenga, uThembinkosi Lorch noSiphesihle
Ndlovu. Bekucace nakuthatha okokuba iqela likaClinton Larsen liye emdlalweni
lizixelele okokuba liza kuvala mba emva. Kodwa ekuhambeni kwexesha, uKurt Lentjies,
uThabo Rakhale noLerato Manzini bazamile ukunkqonkqoza kuJoris Delle – unozinti
obeqala ukudlalela iPirates.

Kwisigaba
sesibini, abadlali bePirates baquqe bebuyelela kwiipali zeChippa. Emva kwexeshana
izama iPirates kwisigaba sesibini, uMabasa ubhakuzelise umnatha ngebhola
ayinikelwe ngobuchule nguMulenga. Kudlule imizuzu embalwa, waphinda wafaka
elinye igowuli uMabasa – oshiye uTignyemb eme zu. Isiqingatha sesibini
silawulwe ngokupheleleyo yiPirates ebikhangela impumelelo yayo yesibini kule
sizini. Kuthe xa kusondela ixesha lokuphela komdlalo, uLerato Manzini ufake
igowuli lobika ekhaya emva kwebhola entle kaRhulani Manzini echithwe ngunozinti
wePirates. Ukufaka kwayo igowuli kuye kwayikhuthaza iChippa United – kodwa khange
ivume iPirates kwade kwaphela umdlalo. Lo nto ithetha ukuthi iChippa
ayikayifumani impumelelo kule isizini. Komnye umdlalo, AmaZulu neGolden Arrows abambene ngo’1-1.

 

Orlando Pirates: Delle,
Jele, Maela, Nyauza, Ndlovu, Nyatama, Mlambo, Makaringe, Lorch, Mulenga, Mabasa.

Amalalela: Sandilands, Ndengane, Dlamini, Monyane, Memela, Mhango, Lepasa.

Chippa United: Tingyemb, Damons, K.Moyo, Nsabiyumva, Mashaba, Komane, Malepe,
Lentjies, Rakhale, Maphangule, L.Manzini.

Amalalela: Mazibuko, Mthethwa, Twala, E.Moyo, Mohola, Maziya, R.Manzini.