Igxeleshe ukungena kwiMotsepe iWSU

IWalter Sisulu Yunivesithi idlulele kumjikelo olandelayo ongowokugqibela kwimidlalo yokuzibekela indawo kwi-ABC Motsepe League emva kokuba iphumelele i-Amathole SAB Regional Play-Offs ngempelaveki.

Eli qela liphumelele imidlalo emibini, ladlala ntanganye komnye kwimidlalo emithathu ebidlalwa liqela ngalinyele kulawo mane ebethatha inxaxheba kule tumente yeentsuku ezimbini eGcuwa.

Abafundi baqushe i-Executive Academy FC yaseMbhashe ngo’4-1, emva koko babetha iFort Hare FC ngo’2-0, kumdlalo wokugqibela badlala ntanganye ngegowuli elinye macala neTry Again FC ephuma e-Amahlathi.

Iidyogwana zikaBanzi “Bra Ace” Siyongwana (Ophethe ezemidlalo eWSU) ziphantse zaphulukana nodumo emva kokuba zifumene ubunzima kumdlalo wokugqibela, apho bezidlala neTry Again FC.

Ezika Bra’Ace ziye kwikhefu zisiza ngasemva kweli qela ngegowuli elinye elifakwe nguLuvo “Mbesuma” Saliwe, nto leyo engavamanga kwenzeka kubafundi. Kodwa kwisiqingatha sesibini somdlalo, igowuli elifakwe nguPikolomzi Noqaza kwimizuzu engamashumi amabini ibisele, linike iWSU ithuba lokudlala eMonti eBuffalo City Stadium kwinyanga ezayo kwimidlalo yephondo yokuzibekela indawo kwiMotsepe League. Lo mdlalo wala maqela mabini ubunokuguqula izinto ukuba iWSU ibibethiwe yiTry Again ngeligowuli linye, kuba iFort Hare ibizakubambana nabadlali bakaSiyongwana ngamanqaku amathandathu macala kwiGroup, yakugqiba ithethelelwe ngamagowuli amaninzi ewafakileyo kule midlalo, njengoko ifake alishumi elinesithathu kwimidlalo yayo emithathu.

Ngoku iWSU izakuqubisana namanye amaqela azakube ephuma kwiphondo lonke ngomhla we21-22 kwinyanga ezayo eBuffalo City Stadium, apho kuzakuthi kuphume amaqela amabini aza- kunyuselwa kwiMotsepe League kwisizini ezayo.