‘Ihamba egazini apha kum iChiefs’ – Mvundlela

Sihle Mvundlela

Pedro Mapelo: Siyakwamkela kweli phephandaba. Ngokufutshane, ungubani Mhlekazi?

Umlandeli: Igama lam ndinguSihle Mvundlela. Ndihlala apha eKapa kwilokishi ekuthiwa yiGugulethu – kodwa ngokokuzalwa ndisuka kuQumbu.

PM: Kutheni wakhetha iKaizer Chiefs kuwo onke amaqela akhoyo eMzantsi Afrika?

Sihle Mvundlela: Yooh..iChiefs ihamba apha kum egazini. Ndayithanda ndisemncinci kakhulu. Into eyabangela ndiyithande iChiefs yindlela eyayidlala ngayo kudala – hayi le into idlalwa kwezi ntsuku. Abadlali abafana noPatric Mayo, Cyril Nzama, Arthur Zwane, Doctor Khumalo no-Ace Khuse.

PM: Yintoni oyithandayo ngebhola yoMzantsi Afrika?

SM: Ibhola yethu apha eMzantsi Afrika iyakhawuleza. Ndithanda kakhulu abadlali bethu xa benikelana ngebhola besiya phambili ngokukhawuleza. Ibhola yethu iyabaleka.

PM: Ngoobani abadlali bebhola obathandayo, kuba kutheni?

SM: Mna ndizithandela uSiphiwe Tshabalala, uWillard Katsande noBernard Parker. Into endiyithandayo ngoShabba kukuba uwuthathel’ingqalelo umsebenzi wakhe ngamaxesha onke noxa sele ekhulile kunabanye abadlali.

Kwaba abadlali beChiefs, uKatsande ngoyena mdlali ozijula nejacu xa edlala – usebenza ngokuzimisela okukhulu ebaleni. Omnye umdlali ngu-Itumeleng Khune. Ndimthandela ukulilwela iqela lakhe ebaleni. Akakuthandi ukoyiswa tu.

PM: Ulindele ntoni kwiChiefs kule sizini?

SM: Hayi, akukho nto inoyenza iChiefs kusekho uSteve Komphela. Kudala ekhona – kodwa akukabikho nenye into ayenzileyo. Umnkise iindebe afike zikhona. Ingase kuthengwe abadlali qha ngoba umgangatho waba bakhoyo awukho phezulu.

UKomphela akalifanelanga iqela elikhulu njengeChiefs. Andiqondi nokuba iyakuba phakathi kwamane aphambili xa kuphela isizini.

pedro.mapelo@inl.co.za