IHighlands Park intywilisele iChippa emdlalweni obuseMakhulong Stadium

Tendai Ndoro of Highlands Park celebrates his goal during the Absa Premiership 2018/19 game between Cape Town City and Highlands Park at Cape Town Stadium on 23 April 2019 Ryan Wilkisky/BackpagePix

Emva
kokukhutshwa kwiTelkom Kncockout, iHighlands
Park
intywilisele iChippa
United etsala nzima ngamagowuli amabini eqandeni (2-0) emdlalweni we-Absa
Premiership obubanjelwe eMakhulong Stadium izolo ebusuku. Umqeqeshi weChippa
omtsha, uNorman Mapeza, uye eTembisa enethemba lokufumana okungenani inqaku
elinye emva kokuba iqela lakhe libethe iBloemfontein Celtic ngo’1-0 emdlalweni
obubanjelwe eSisa Dukashe Stadium ekuqaleni kwale veki. Ukubethwa kweChippa
izolo eMakhulong Stadium kubhence ubunzulu bengxaki ajongene nayo uMapeza
ophantsi koxinizelelo lokuyisusa emsileni wePSL. Akukho nenye into abakwazileyo
ukuyenza kakuhle abadlali bakhe emdlalweni wayizolo. Iifolosi bezingamakheswa
ngoba bezingakwazi ukufumana ibhola, esiswini abadlali bazamile ukuhlanganisa
iibhola – kodwa bebephantsi koxinizelelo. Emva kulapho bekukho ingxaki kakhulu
ngoba igowuli lokuqala livele emva kokuthembiselana kwabadlali.

Ulele encunyiswe
yimpumelelo u-Owen Da Gama emva kokuba iqela lakhe liphise ngamanqaku
kwiMamelodi Sundowns ngomzuzu wokugqibela emdlalweni obuphakathi evekini. Igowuli
lokuqala lifakwe nguSpiwe Msimango – oshiye abadlali beChippa bengazi nokuba mabenze
ntoni – emva kokunikelwa ibhola entle nguTendai Ndoro obeyinkathazo emdlalweni
wayizolo. UPatric Tignyemb ngomnye wabadlali abebexakekile emdlalweni ngenxa yobuyekeyeke
bekhonkco labadlali basemva. Kwisigaba sesibini, umdlalo weChippa uye wangcono –
kodwa akukho mathuba acacileyo ekwazileyo ukuwadala. UWilliam Twala ufake
igowuli lokulinganisa – kodwa usompempe nomncedisi wakhe abalivumanga. UNdoro ufake
igowuli lesibini leHighlands
Park
emva kokufumana
ibhola ayikhabe yamshiya ethe natya phantsi unozinti weChippa United.

  

Highlands: Ngobeni, Mokoena,
Mbhele, Msimango, Rae, Mbunjana, Williams, Letsholonyane, Shalulile, Mvala,
Ndoro.

amalalela: Heugh, Mogaila, Msane, Mbatha,
Jooste, Motsepe, Nyembe.

Chippa: Tignyemb, Damons, K.Moyo, Nsabiyumva,
E.Moyo, Komane, Masalesa, Malepe, Maziya, Maphangule, L.Manzini.

Amalalela: Mazibuko, Twala, R.Manzini,
Modisane, Mahola, Kwem, Lentjies.