eThekwini – iqela lesizwe lombhoxo, AmaBhoko-bhoko, lihlazwe yiNew
Le yeyona mpumelelo inkulu ezuzwe zii-All Blacks kwiqela loMzantsi Afrika – kwangaxeshanye ziphumelele umdlalo wovavanyo weshumi elinesixhenxe lingaphulukanga nomnye umdlalo ii-All Blacks.
AmaBhoko-bhoko oyisiwe kukulala emgceni ityeli lesibini edlalela ekhaya kwezi veki zimbini zidlulileyo – nangona iNew
Ziziphumo zomdlalo wehlabathi ezi ezibashiye abalandeli bombhoxo bematshekileyo. Kanti ke ayingabo bodwa ngoba nokapteni weeBoks, u-Adriaan Strauss, ushiyeke enxubile futhi luvakala uxinizelelo kuye njengokapteni.
“Ngethuba sisiya kwixesha lokuphumla amanqaku ebhodini ibingu’12-9, sonke besiziva sisesemdlalweni,” utshilo uStrauss emva komdlalo.
Le ndedeba izixolise ngelithi iqela loMzantsi Afrika linabadlali abasakhulayo embhoxweni, lo nto ithetha ukuthi ikamva [lalo iqela] liselihle nangona libethiwe nje.
Lo kaStrauss, njengokuba ebedlala umdlalo wokuqgibela wovavanyo ekhaya, uvuyisene nokapteni weNew
“Bekufaneluba sidlale ngcono kulo mdlalo,” uvale ngalo mazwi ukapteni woMzantsi Afrika.
URead uthe wonelisekile ngumsebenzi owenziwe liqela lakhe emva kokuqokelela amashumi amane anesihlanu amanqaku kwisigaba sesibini somdlalo.
“IiBoks zilwilwe kulo mdlalo, yiyo lo nto kuye kwanyanzeleka ukuba siwugqibe umdlalo kwisigaba sesibini. Le midlalo yovavanyo isishiye sivile nathi – kodwa sithe xa sifumana amathuba kwisigaba sesibini, sawasebenzisa,” utshilo uRead
Amakhosi ayophisa emva kokubethwa yiRoyal AM emdlalweni wokuvula isizini!