Ihleli phezulu iBaroka FC emva kokubethela iWits ebaleni layo

Thabang Monare of Bidvest Wits challenged by Tshediso Patjie of Baroka FC during the Absa Premiership 2019/20 football match between Bidvest Wits and Baroka FC at Bidvest Stadium, Johannesburg on 06 August 2019 ©Gavin Barker/BackpagePix

Iqela laseLimpopo,
iBaroka FC, lifumene inkuthazo enkulu emva kokuphumelela umdlalo okokuqala
kwisini entsha evulwe kwiveki ephelileyo. IBaroka iguqise phantsi iBidvest Wits
ngegowuli elinye eqandeni (1-0) emdlalweni wePSL obunzima eBidvest Stadium
ebusuku namhlanje. Ngoku iBaroka ihleli phezulu kwiPSL emva kokuqokelela
amanqaku amane emidlalweni emibini. Kwiveki ephelileyo, iBaroka ibambene
ngamagowuli amabini macala (2-2) neCape
Town City

emdlalweni wokuvula isizini obubanjelwe e-Old Peter Mokaba Stadium. Ishwangusha
leWits lokungaqhubi kakuhle xa idlalela ekhaya kukhangeleka ngathi
lisayilandela nakule isizini emva kokuphulukana nemidlalo eliqela kwisizini
ephelileyo. Emdlalweni wokuqala, iWits ibethe AmaZulu ngamagowuli amathathu
eqandeni (3-0) emdlalweni obuseKing Zwelithini Stadium.

Namhlanje uGavin
Hunt ulitshintshile iqela labadlali aqale ngalo umdlalo. Kanti nayo iBaroka
ifake abadlali bayo abafikayo abafana noKhulekani Masondo noSibonelo Ngubani. Iqela
ebelindwendwele liqubisene kakuhle nabadlali ehlasela ngabo iWits abafana
noKeegan Ritchie noSameehg obuyele eMzantsi Afrika emva kokudlalela iqela
langaphandle kwemida ye-Afrika. Abadlali abafana noTshidiso Patjie noMduduzi
Mdantsane bazamile ukubiyisela iBaroka emdlalweni – kodwa iinzame zabo ziye
zawa phantsi. Igowuli elifakwe nguGerald Phiri Junior lilo ephumelele ngalo
iBaroka. Unozinti weBaroka, uElvis Chipezeze, uye wachongwa njengomdlali
oqaqambileyo emva kokuyihlangula izihlandlo eziliqela emdlalweni.

 

Biedvest Wits: Petersen, Hlatshwayo, Monare, Hotto, Mkhwanazi, Alexander,
Doutie, Macheke, Ritchie, Macuphu, Dzvukamanja. 

Amalalela: Mhlongo,
Johannes, Pelembe, Domingo, Scott, Motupa, Lark.

Baroka FC: Chipezeze,
Kgoetyane, Madondo, Sibiya, Shozi, Tisdell, Mdantsane, Ngubane, Mbulu, Phiri,
Patjie. 

Amalalela: Dlamini,
Mongae, Ntswane, Nsimba, Dickens, Selemela, Mosele.