Ihleli phezulu iFort Hare Blues ebukhali macala kwiVarsity Shield

Kulo unyaka, iFNB Fort Hare Blues ivathe iqaqa. Ibhuqa kwanto ephambi kwayo kwisizini yalo nyaka ebonakala ngathi iza kubonisa abantu umhlola ebholeni yombhoxo eMzantsi Afrika. Amaqela ezikolo adlala kwiVarsity Shield kwiphondo leMpuma Koloni mathathu. Elokuqala yiFort Hare Blues ehleli kwindawo yokuqala kwiVarsirty Shield. Kulandele iFNB WSU All Blacks ekwindawo yesine ebonakala ingekaqhubi kakuhle kule isizini. Ekugqibeleni kuhleli iFNB Rhodes engekaphumeleli namnye umdlalo. Into ebangele iFort Hare ihlale phezulu kukuba idlala umdlalo osemgangathweni ophezulu futhi iyiphumelele yonke imidlalo yayo. Yona iWSU All Black isaduda ndawonye emva kokuqokelela imbinana yamanqaku amahlanu emidlalweni emithathu eyidlalileyo.

Emidlalweni egqithileyo, iFort Hare Blues ivuthulule abakhaya, iWSU All Blacks, ngo’27-13. Kweminye imidlalo: iFNB DUT ibethe yiFNB yiCPUT ngo’36-3, yona iFNB TUT Vikings ibethwe yiFNB UKZN Impi ngo’17-16 emdlalweni obubambene. Emdlalweni ongomso (Lwesihlanu), iFort Hare iza kudibana neCPUT emdlalweni ekulindeleke utake iintlantsi ngentsimbi yesixhenxe. Yimpumelelo into efunwa yiFort Hare ukuze ibethelele indawo yayo phezulu kwiVarsity Shield. Yona iCPUT, ekwindawo yesibini, iya emdlalweni funa ukubhukuqa iFort Hare ephambili ngamanqaku amabini.

Impi yaKwaZulu-Natal iza kududlana okweenkunzi zegusha neRhodes esakhangela impumelelo yayo yokuqala kwisizini eqhubekayo. Umdlalo uza kuqala ngentsimbi yesithathu. Yona iWSU All Blacks idibana neDUT emdlalweni ongentsimbi yesihlanu. Imidlalo yangoMgqibelo: Kulindeleke iRhodes isokole kakhulu xa idibana neWSU All Blacks efuna ukuphucula indlela edlala ngayo emva kokuhlazwa yiFort Hare. Yona iDUT idibana neTUT Vikings emdlalweni ongentsimbi yesihlanu. Owokugqibela, iCPTU iza kugagana ne-UKZN Impi emdlalweni ongentsimbi yesixhenxe ngorhatya.