Ihleli phezulu iRichards Bay ebethe iSekhukhune United

USiyanda Msani weRichards Bay FC no-Elias Mokwana weSekhukhune United FC emdlalweni weDStv Premiership obuseKing Goodwill Zwelithini Stadium. Umfanekiso: Gerhard Duraan/BackpagePix

Ihleli phezulu ngoku iRichards Bay FC emva kokuba izuze amanye amanqaku amathathu emdlalweni wanamhlanje. Abatshakazi beDStv Premiership babethe iSekhukhune United ngegowuli elinye eqandeni (1-0) emdlalweni obuseKing Zwelithini Stadium. Umdlalo uqale emva kwexesha ebelibekiwe. Kuye kwanyanzeleka ukuba amaqela alinde kulungiswe izibane ebezingalayiti kakuhle ebaleni. Omabini amaqela aye emdlalweni wanamhlanje ezithembile emva kokungabethwa emidlalweni yokuvula isizini. Umdlalo ubeshushu kwa kwisiqingatha sokuqala. Abaqeqehi beRichards Bay kuye kwanyanzeleka ukuba bafake uYawela Mbuthuma endaweni kaSomila Ntsundwana okhutshwe ngenxa yokonzakala.

Likhe lathembisa iqela likaKaitano Tembo – kodwa ibhola ebizanywa nguLinda Mntambo khange ilincede. Kuyiwe kwixesha lokuphumla kungekho qela elikwazileyo ukubhalisa ebhodini nangani ebekhona amathuba angasetyenziswanga ngamaqela omabini emdlalweni. Izinto ziyihambele kakubi zisuka iSekhukhune kwisigaba sesibini emva kokuba iphulukene nomdlali. Oku kwenzeke emva kokuba uTashreeq Morris efumene ikhadi lesibini emdlalweni. Abaqeqeshi beRichards Bay bafake uLuvuyo memela endaweni kaKatleho Makateng kwakubonakala ukuba kunzima ukufumana igowuli. Yona iSekhukhune United ifake uThamsanqa Masiya endaweni kaVictor Letsoalo.

Kuthe sekungaseni, iRichards Bay ifumene igowuli elifakwe nguMbuthuma ongene njengelalela kwisigaba sokuqala somdlalo. Ibibethwa okokuqala iSekhukhune United emdlalweni wanamhlanje. Yona iRichards Bay iqhubele phambili nokwenza umsebenzi omhle ukusukela oko ithe yafika kwiDStv Premiership isuka kwiGlaAfrica Championship. Kweminye imidlalo, iMamelodi Sundowns ivuthulule iKaizer Chiefs ngemvula yamagowuli amane eqandeni – kanti iGolden Arrows ifumene inqaku layo lokuqala ngokubambana neMarumo Gallants. Yona iStellenbosch ibethe iRoyal AM ngamagowuli amathathu kwelinye. Kanti izolo, iMaritzburg United ibambene ngeqanda macala neSwallows FC.

Richards Bay: Magoola, Mathebule, Mabua, Mthethwa, Barns, Mhlongo, Msani, Mabaso, Zungu, Ntsundwana, Makateng.

Amalalela: Jacobs, Dlamini, Ncanana, Mthembu, Mdabuka, Memela, Mbuthuma, Gumede, Mthethwa.

Sekhukhune United: Nsabatha, Mobbie, Gyimah, Cardoso, Ntiya-Ntiya, Mokwana, Mntambo, Motsepe, Mokhabi, Morris, Letsoalo

Amalalela: Mtsweni, Mkhabela, Kabwe, Farmer, Mabasa, Shai, Masiya, Makhubu, Nxumalo.