Zijikile
izinto kwindlela amaqela ame ngayo kwiMzansi Super League. Ngorhatya lwayizolo,
iNelson Mandela Bay Giants, eliqela eliphambili kwiqakamba kweli phondo
laseMpuma Koloni, inyukele kwindawo yokuqala emva kokuba ibethe iCape Town
Blitz ngoothinti abahlanu bonke emdlalweni obutaka iintlantsi eBhayi kwibala
ekuthiwa yiSt George’s Park. Iqela laseKapa liqhokre kuqala laze lenze imitsi
elikhulu elinamashumi asibhozo anesixhenxe (187) emdlalweni elize kuwo lichophe
enkcochoyini yoMzantsi Super League. Kuye kwanyanzeleka okokuba iqela laseMpuma
Kolini lisukele imitsi eyenziwe yiC.T. Blitz. Iyenzile lo nto iGiants ebunzimeni
noxa abadlali bayo abavulayo bekhutshwe kwangoko emdlalweni. Indoda ethe yenza
umahluko omkhulu emdlalweni ibe nguJon-Jon Smuts weBlitz oqhokre amashumi
asixhenxe anesithathu (73) eyedwa kwiibhola ezingamashumi amahlanu nanye.
Kuye
kwanyanzeleka uMarco
beGiants babhinqe omfitshane ngoba bebemelwe yintaba yomsebenzi phambi kwabo. UMarais
ufumene amashumi amane emitsi (40) kwiibhola nje ezingamashumi amabini
azibethileyo. Kwelinye icala, uMorris uze neshumi elinethoba kwiibholana nje
ezilithoba yatsho yatshintsha ngokupheleleyo inkangelelo yomdlalo. Abanye
abadlali beGiants abenze indima ebonakalayo baquka u-Imran Tahir noMorris
abawise amadoda ayingozi. UJunior Dala, odlale kakuhle emdlalweni ophambi kwalo
wayizolo, uphinde wabuya nabanye oothinti emdlalweni wayizolo. Ngoku iqela
laseBhayi liyakhokela emva kokuqokelela amanqaku alishumi elinesihlanu
emidlalweni emine esele liyidlalile. INelson Mandela Bay Giants iza kuqubisana
neDurban Heat emdlalweni oza kube useSt George’s, eBhayi, eminimanqanda (12:00)
ngoMgqibelo. Ukuza kuthi ga ngoku, iDurban Heat ayikaphumeleli futhi isabethwe
emdlalweni omnye kwemithathu eyidlalileyo. — African News Agency (ANA)
1. Jason Roy
2. Matthew Breetzke
3. Jon-Jon Smuts
4. Ben Dunk
5. Heino Kuhn
6. Marco Marais
7. Chris Morris
8. Onke Nyaku
9. Nandre Burger
10. Junior Dala
11. Imran Tahir
UTinkler ufuna ukuyibetha iChiefs – qha unexhala leefolosi zayo!