IiBlitzboke ziintshatsheli zeWorld Sevens!

UMzantsi Afrika wonke uyavuya emva kokuba iiBlitzboke zifumene indebe yeWorld Sevens Series ngempelaveki edlulileyo eTwickenham Stadium.

Eli qela lesizwe liqhube kakuhle phantse kuyo yonke imidlalo yalo kulo nyaka.

Ukapteni weli qela uPhilip Snyman uthe le mpumelelo yeyabantu baseMzantsi Afrika nabo bonke abalandeli beSpringbok Sevens.

“Sinebhongo ngokuba ngabemi boMzantsi Afrika. Le mpumelelo yeyabantu bonke abasixhasileyo. Sixhaswe kakhulu ngabantu nangethuba izinto zingasihambeli kakuhle,” utshilo uSnyman.

Imidlalo yePSL:

Kaizer Chiefs vs Bidvest Wits @FNB Stadium 15:00; Ajax Cape Town vs Baroka FC @Cape Town Stadium 15:00; SuperSport United vs Platinum Stars @Lucas Moripe Stadium 15:00; Golden Arrows vs Orlando Pirates @Princess Magogo Stadium 15:00; Maritzburg United vs Bloemfontein Celtic @Harry Gwala Stadium 15:00; Polokwane City vs Cape Town City @Peter Mokaba Stadium 15:00; Highlands Park vs Mamelodi Sundowns @Makhulong Stadium 15:00