Amaqela sele ehluziwe ukulungiselela imidlalo yeParis Sevens kwinyanga izayo, kwaye izakunikisa umdla kakhulu imidlalo yeBlitzbokke kolu khuphiswano.
Emva kokuphumelela kweKenya kwiveki ephelileyo, imimoya isephezulu kakhulu nakwiBlitzbokke. Abafana bakaNeil Powell basenalo ithuba lokuba baphumelele itayitile yeSevens yehlabathi.
UMzantsi Afrika ubekwe kuPool C kule mpelaveki namazwe aquka i-Australia, iNgilane kunye neBrazil.
La mazwe awazukuba yindlwana iyanetha kuPowell nabadlali bakhe, kodwa xa bezimisele bangabetha neliphi na iqela kule tumente. Lo mlenze waseParis wemidlalo yeSevens ngumlenze owandulela owokugqibela, kwaye uzakudlalwa ukusuka ngomhla weshumi elinesithathu ukuya kumhla weshumi elinesihlanu kwinyanga ezayo.
Eli izakuba lithuba lokuba iiBlitzboks zizame ukufika kumanqaku eFiji ehleli kwindawo yokuqala.
chris.gilili@inl.co.za
USamsung ukhuphe ekhasini oomanqanqa beefowuni eziphathwayo