Umdlali weScotland, uDougie Fife, ungqengqe emgceni amatyeli amabini kwimizuzu emibini yokugqibela xa iqela lakhe belibetha uMzantsi Afrika ngo’27-26. IScotland siphumele indebe yaso yokuqala yeSevens, eTwickenham ngeCawa.
Kulo mdlalo bekukho ixesha apho bekubonakala ngathi iScotland asinokwazi ukuphumelela, besisiza ngasemva ngo’26-15 sele kushiyeke imizuzwana engamashumi amathathu uphele umdlalo. UJames Fleming uye waqalisa ukushukumisa izinto kwiScotland, emva kokuba uRoco Specman bekusele kubonakala ngathi uwafumene amanqaku ebezakuza nempumelelo yeBlitzbokke.
Imilingo eyenziwe nguFife sele kuzakuphela umdlalo inike iScotland impumelelo yeLondon Sevens, kwityeli lokuqala leScotland ukudlala kumagqibela kankqoyi.
“Umdlalo wethu ubusilela kakhulu kumagqibela kankqoyi, kodwa aba bafana baqhube kakuhle, kodwa abadlali bakwazile ukuqokelela amanqaku,” itshilo ikapteni yeScotland uScott Wight.
UMofokeng ufumene imoto ngenxa yokugqwesa kwakhe ebholeni