IiBrazillians zifuna impumelelo eYiphutha

Iqela loMzantsi Afrika elidlala kwiCAF Champions League, iMamelodi Sundowns, lise-Egypt – apho lizakudlala umdlalo wesibini wolu khuphiswano.

Amasandawana aya kulo mdlalo ezithembile emva kokubetha ngo’2-1 i-Enyimba yaseNigeria eLucas Moripe Stadium kwinyanga ephelileyo. Umqeqeshi weSundowns, uPitso Mosimane, uwathembile amakhwenkwe wakhe. Iqela lakhe liqubisana neZamalek kumdlalo ozakube ungeCawe. Kuye kwanyanzeleka iSundowns ingaphumli emva kokuvalwa kwesizini yePremier Soccer League ngenxa yale midlalo – kodwa lo nto iyincedile ngoba lo mdlalo ufika abadlali besekwisimo esilungileyo. “Sifunde izinto ezininzi ngokudlala namanye amaqela elizwekazi le Afrika. Abadlali bethu bayayazi ngoku into emabayenze futhi baqhuba kakuhle. Yonke imidlalo esiyidlalayo sifuna ukuyiphumelela. Nalo umdlalo awohlukanga kweminye,” utshilo uPitso kwinkomfa yoonondaba. Ezi ntshatsheli zePSL zisebenzela ukuya kumjikelo olandelayo weCAF Champions League.