IiBulls zijongene nemfazwe eCanbera

IiBulls zizakujongana nomceli mngeni ngomso xa zidlala neBrumbies kumdlalo wesibini kukhenketho lwazo.

Ngaphandle kwamathandabuzo abona badlali bazakwenza izinto zibenzima kwiiBulls nguDavid Pocock noScott Fardy abadlala kwiBrumbies. Esi sibini, ngabona badlali banamava abadlala ngaphambili, kwaye badlale indima ebonakalayo, ukusa iiWallabies kumdlalo wamagqibela kankqoyi kwindebe yehlabathi yombhoxo kunyaka ophelileyo.

Nangona iiBrumbies zinga- khange ziqhube kakuhle kwiveki ephelileyo xa bezidlala neHighlanders, uPocock ngomnye wabadlali abadlale ngokuzimisela kakhulu.

Babini abadlali abaza- kubalithemba kwiiBulls, nguLappie Labuschagne, * -Arno Botha noHanro Liebenberg.

Badlale kakuhle kakhulu kumdlalo weveki ephelileyo, kwaye ngowona mdlalo bahambe phambili kuwo kule sizini.

Lo mdlalo uzakuxhomekeka kubadlali bamaqela omabini, kuba adlala umbhoxo ofanayo.