IiChilli Boys naBafana Bes’thende badlulele phambili kwiNedbank Cup

Tebogo Makobela of Jomo Cosmos, goes down in fight for the ball with Thamsanqa Sangweni of Chippa United during the 2017 Nedbank Cup quarterfinal game between Chippa United and Jomo Cosmos at Nelson Mandela Bay Stadium, Port Elizabeth on 22 April 2017 © Deryck Foster/BackpagePix

Zisina zidedelana ngoku kwiNedbank Cup. Amaqela oneleyo ayagoduka, kushiyeka angonelanga qha ngoku kwesi isigaba sokhuphiswano. IiChilli Boys neGolden Arrows baya kumjiklo olandelayo emva kokuphumelela imidlalo ngale njikalanga. IChippa United ibethe iJomo Cosmos ngo’1-0 kumdlalo obunzima eNelson Mandela Bay Stadium. Igwouli lempumelelo lifakwe nguLerato Manzini – ithemba leChippa United kule sizini. Eli qela laseMpuma Koloni lizenzele imbali njengokuba liza kudlala kumdlalo umdlalo ophambi kwamagqibela kankqoyi okokuqala kumdlalo wokhuphiswano ukusukela oko lafika kumgangatho ophezulu ngo’2010.

Isiqingatha sokuqala siphele kungekho magowuli kulo mdlalo obuphakathi weChippa United neJomo Cosmos. Lo mdlalo ubushushu kakhulu kwaye omabini amaqela ebedlala ngokuzimisela. IiChilli Boys zabelene ngebhola kamnandi futhi ziban’ unkqonkqoza kwiipali zeCosmos – kodwa eZenkosi bezivale mba. UThamsanqa Sangweni noSandile Zuke bebetyala iibhola macala kubadlali abafana noMvelase noManzini. Amakhwenkwe kaJomo ebengaxhamazeli, ebedlala ibhola ayaziyo ngendlela yawo. Akukho nto ingako iCosmos eyenzileyo kwisigaba sokuqala ngoba ibiyiChippa United ehlaselayo ubukhule becala.

La maqela athathe apho ebeyeke khona kwisigaba sokuqala. Nakwesi sesibini isigaba, ibiyiChippa engxamileyo. Izamile ukungena kumhlaba weCosmos amatyeli aliqela – kodwa into engakhange ibelula kubeka ibhola emnatheni ngenxa yamaxhwangusha eJomo adlala emva. Iphantse yonzakala iChippa emva kokuyeka iCosmos emhabeni kaZama Dlamini, ngethamsanqa layo iCosmos ayikwazanga ukulisebenzisa elo thuba. ULerato Manzini ufake igowuli leChippa United ngomzuzu wamashumi asixhenxe anesibini. Iquqe ibuyelela emva koko kumhlaba oyingozi weCosmos. Nangona iChippa United iphumelele, umdlalo wona ubunzima futhi kwicala likaJomo kukuphunguleka komthwalo kuba efuna ukujongana nemidlalo yakhe eseleyo kwiNational First Division.

Pedro Maphelo's photo.

Musa Bilankulu of Golden Arrows celebrates goal with teammates during the 2017 Nedbank Cup match between Golden Arrows and Platinum Stars at the Princess Magogo Stadium in Kwa-Mashu, South Africa on 22 April 2017 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Yona iGolden Arrows ibethe iPlatinum Stars ngo’1-0 kumdlalo obusePrincess Magogo Stadium. Igowuli lifakwe nguMusa Bilankulu phambi kokuya kwixesha lokuphumla. Ngaphandle kwamathandabuzo uClinton Larsen uncumile emva kwale mpumelelo ngoba iqela lakhe lisendaweni entle kwimidlalo yePSL.