IiChilli Boys neMaritzburg United ziya kumjikelo olandelayo

Ayabulela Konqobe of Chippa United during the2017 Telkom Knockout game between Chippa United and Kaizer Chiefs at Nelson Mandela Stadium in Port Elizabeth on 05 Novemberr 2017 © Deryck Foster/BackpagePix

Ukhuphiswano
lweNedbank oluquka amaqela adlala kwiPremier Soccer League, iNational First
Division ne-ABC Motsepe League – luqhubele phambili nanamhlanje emalanga.
IiChilli Boys zeMpuma Koloni neMaritzburg United ziphakathi kwamaqela aya
kumjikelo olandelayo weNedbank Cup emva kokubetha amaqela adlala kwinqanaba
elingezantsi – iMotsepe League. IChippa United ibethe iPhiva Young Stars ngo’2-0
kwaKabokweni Stadium emalanga namhlanje kwiphondo laseMpumalanga. Amagowuli
weChippa afakwe ngumdlali wasemva u-Ayanda Konqobe nomdlali ofikayo uLinda
Mntambo kwisigaba sokuqala somdlalo.

Umdlalo ububanzimele
kakhulu abadlali beChippa United ngenxa yebala elingekho semgangathweni
oqhelekileyo kubo nangenxa yobushushu. Amakhwenkwe kaTeboho Moloi kuye
kwanyanzeleka ukuba adlalele impumelelo qha ngoba imeko ibingawavumeli ukuba
adlale ibhola yawo eqhelekileyo. Umdlalo wePhiva Young Stars ubuncomeka –
indlela abaye bazimisela ngayo abadlali bayo iyamangalisa kakhulu nangona kuye
kwacaca ukuba badibene nezixhagala ezinamandla ngaphezulu kwabo. UBrighton
Mhlongo unyanzelwe ukuba asebenze ngamandla ekuzeni kuphela komdlalo ngenxa yabadlali
bePhiva abebefun’intwibi lapha.

Komnye umdlalo
obunzima eDobsnville Stadium, iMaritzburg United isokoliswe yiSwallows FC –
kodwa ekugqibeleni iye yaphumelela ngo’3-1. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iyinkwa
nenkwa kungekho efuna ukoyiswa. Ngelingeni kwixesha elongezelelweyo,
iMaritzburg ide yafumana amagowuli amabini athe ayibeka kumjikelo weNedbank Cup
olandelayo. Amanye amaqela asele edlulele phambili aquka AmaZulu abethe
uMthatha Bucks phakathi evekini, Ubuntu Cape Town eyothuse iPolokwane City,
iCape Town
City ebethe iBidvest Wits neMamelodi
Sundowns ebethe nzima iCape
Town
All Stars izolo
ebusuku.