IiChilli Boys zabelene ngamanqaku neSundowns

Paseka Mako of Chippa United and Thapelo Morena of Mamelodi Sundownsand Menzi Masuku of Chippa United choreographed during the Absa Premiership 2016/17 game between Chippa United and Mamelodi Sundowns Sisa Dukashe Stadium, East London on 14 February 2017 © Deryck Foster/BackpagePix

IMamelodi Sundowns ikhalela amathuba engawasebenzisanga emva kokubambana ngo 1 – 1 neChippa United kumdlalo wePSL obudlalelwa eSisa Dukashe Stadium namhlanje ebusuku.

Ingqele nemvula khange ibathintele abalandeli bebhola abazalise ibala kuba befuna ukubeka umdlalo, onqabileyo kubo, okwizinga eliphezu, phakathi kwawona maqela adlala umdlalo ophucukileyo kule sizini.

Isiqalo somdlalo besingaqaqambanga nanjengoko bekulindelwe, iindwendwe zizo ebezisukele kuqala emdlalweni. UZakri Yannick, obehlasela kwicala lasekholo, ebethande kuba yinkathazo kwimizuzu yokuqala. ULucky Mohomi, uTeko Modise noTiyani Mabunda ngabo abalawule umdlalo esazulwini, bebane ukutyala iibhola kuLeonardo Castro obegadwe kakhulu nguKristopher Bergman emva.

UThamsanqa Sangweni, obelikhonkco phakathi kweefolosi nabadlali basemva, uzamile ukuhlanganisa izinto noSandile Zuke. Ithe isadlala kakuhle iChippa United wasuka wenza idemesha uWayne Arendse ngomzuzu weshumi elinesibhozo kwisigaba sokuqala. Kuye kwanyanzeleka iiChilli Boys zenyuse umxakatho ngoba ezikaPitso Mosimane bezifuna ukuzigubungela kuphele ngazo.

Igowuli liyinike amavili iDowns, abadlali bayo babuye bephindelela kumhlaba weChippa – kodwa yazinceda ngokungaxhamazeli. Izinto zijikile xa kanye kushiyeke ishumi elinesihlanu lemizuzu. Amakhwenkwe kaDan Malesela awuthathele kuwo umdlalo ade avuzwa ngomzuzu wamashumi amathathu anesihlanu ngethuba uRhulani Manzini afaka ipenela.

Athathe apho ebeyeke khona kwesesibini isiqingatha, ilelo nelo lizama igowuli lesibini. UThemba Zwane, obengakhathazi kakhulu kulo mdlalo uphantse wenza ingxaki emva kokugoba ibhola kamnandi ekhohlo – ngelishwa lakhe ifike kuYannick sele tshibilika ngenxa yobumanzi. Uhlanganise iibhola ezintle uMenzi noThopola eziphantse zayonzakalisa iDowns emva. Macala omabini ebekhona amathuba wokuphumelela umdlalo – kodwa bekunzima ukudlala eSisa Dukashe Stadium ngenxa yobumanzi. Abaqeqeshi bala maqela bonelisekile yindlela amaqela wabo adlale ngayo phantsi kweemeko ezinzima.