Kulindleke ijule yonke into enayo iChippa United kumdlalo wayo olandelayo ukuze ifumane amanqaku amathathu emva kokuba ingakwazanga ukufumana nelinye inqaku kwimidlalo emibini ye-Absa Premier Soccer League edlulileyo.
IiChilli-boys zamkela iPlatinum Stars kulo mdlalo wamaqela amabini afuna ukuqinisekisa ukuba isizini ayiphetha ephakathi kwamaqela asibhozo aphambili.
Umdlalo ophakathi kweChippa neDikwena uza- kudlalelwa eWolfson Stadium ngentsimbi yesithathu emalanga ngoLwesithathu, umhla wenkululeko kweli lizwe loMzantsi Afrika.
Emva kokubethwa yiSuperSport United nePolokwane City izihlandlo zilandelelana, iChippa kuyanyanzeleka iqokelele amanqaku kulo umdlalo ukuba izimisele ngendawo yesibhozo kwiPSL.
Idlala neqela elidlala kakuhle futhi eliqeqeshwa nguCavin Johson owaziwa ngobuchule obungumangaliso.
Iqela laseMpuma Koloni lakuthi libeke ithemba lalo kubadlali abafana noThamsanqa Sangweni, uJoseph Malongoane, uNkosinathi Mthiyane noAndile Mbenyane.
SONA 2025 | Intetho yobume besizwe epheleleyo