IiChilli Boys zibuyela eMonti kwakhona

Abantu baseMonti neziphaluka kulindeleke ukuba bagcwalise iSisa Dukashe Stadium xa iqela lebhola ekhatywayo elikhulu eMpuma Koloni, iChippa United, lizakube lisamkela iHighlands Park kumdlalo we-Absa Premier Soccer League ngoMgqibelo ngecala emva kwentsimbi yesithathu.

Kwisizini ephelileyo iiChilli Boys zibambele imidlalo yazo eliqela eBuffalo City Stadium – kwaye abantu babezixhasa ngeyona ndlela incumisayo.

Nangona eyondawo yokudlalela ebhetele iyiBuffalo City Stadium – kodwa ngenxa yokungalungiswa kwayo ngumasipala, imidlalo kuyanyanzeleka idudulelwe kweli bala liseMdantsane.

Ukuzithemba kwamakhwenkwe kaDan ‘Dance’ Malesela kuphezulu emva kokuhlaza iKaizer Chiefs ngo’3-1 kutsha nje eNelson Mandela Bay Stadium. Kule imidlalo ishiyekileyo, kuquka nalo wempelaveki, kunyanzelekile iChippa United iyiphumelele ukuba ifuna ukuvala iwuvalile umsantsa ophakathi kwayo namaqela aphambili.

Njengokuba iChippa ike ayaqhuba kakuhle kwimidlalo esixhenxe – lo nto ibangele ihlale ngaphandle kwamaqela alishumi aphambili.

Ukuqokela kwayo kakuhle amanqaku apheleleyo kwangoku kungayisindisa kuxinizelelo xa kuvulwa isizini kunyaka ozayo emva kwe-2017 Afcon.

UGordon Igesund naye kwelakhe icala ufuna impumelelo ukuze iqela lakhe (Highlands Park) lisuke kwindawo elikhuyo phaya emsileni.

Emva kokubetha iCape Town City ngo’4-0, ngoku iPlatinum Stars izakuzama ngako konke ukufumana amanqaku apheleleyo ukuze kuthi kuphela unyaka ibe isendaweni entle. Kule mpelaveki indwendwelwa iMaritzburg United esavuyela ukubetha kwayo i-Orlando Pirates ekuqaleni kwale veki.

Lo mdlalo uzakudlalelwa eRoyal Bafokeng Stadium ngo’15:30 ngoMgqibelo.

Imidlalo ngoLwesihlanu: Cape Town City v SuperSport United @Cape Town Stadium

NgoMgqibelo: Platinum Stars v Maritzburg United @Royal Bafokeng Stadium 15:30; Bloem Celtic v Ajax Cape Town @Dr. Molemela Stadium 18:00; Bidvest Wits v Free State Stars @Bidvest Stadium 20:15.

NgeCawe: Kaizer Chiefs v Polokwane City @FNB Stadium 15:30; Baroka FC v Golden Arrows @New Peter Mokaba Stadium 15:30.

pedro.mapelo@inl.co.za