IiChilli Boys zibuyela eSisa Dukashe Stadium

Ifolosi yeChippa United, uLinda Mntambo, kulindeleke ukuba ikhokele iChippa United xa isamkela iFree State Stars kumdlalo wePSL ngoMgqibelo eSisa Dukashe Stadium umfanekiso: Frikkie Kapp/BackpagePix

Emva kokuba ikhutshwe kwiNedbank Cup kwiveki ephelileyo, ngoku kuyanyanzeleka ukuba iChippa United ijongane nemidlalo yayo yeAbsa Premier Soccer League eshiyekileyo.

Eli qela laseMpuma Koloni libethwe yiFree State Stars ngo’2-1 kumdlalo obuseGoble Park – kodwa ngoMgqibelo ngecala emva kwentsimbi yesithathu iChippa United inethuba lobuphindisa xa isamkela iFree State kumdlalo wePSL ozakube useSisa Dukashe Stadium.

IiChilli Boys zibuyela eMonti okokuqala kulo nyaka emva kokuba umasipala waseBuffalo City wagqiba kwelokuba aqhawule intsebenziswano neChippa United.

Ngenxa yesigqibo sikamasipala, iChippa United iye yayidlalela eBhayi imidlalo yayo. Ukubuyela kweChippa kwibala laseMonti ziindaba ezimnandi kwinkitha yabalandeli bebhola abayixhasayo xa idlale eBuffalo City.

Nangona umqeqeshi omtsha, uVladislav Heric, ebhabhatizwe ngokubethwa yiFree State – kodwa usihlalo weChippa United, uSiviwe Mpengesi, uthi beliqela lo nto bayiphose kwelokulibala, eyona nto ibalulekileyo kukuqhuba kakuhle kwimidlalo yePSL.

UMpengesi ufuna iqela lakhe lifumane indawo kwiTop 8, ebefuna lo nto nakuTeboho Moloi ogxothwe kutshanje. UHeric unomsebenzi omkhulu wokufunqula ukuzithemba ebadlalini – kodwa unalo iqela elinokuwenza umsebenzi.

“Siyamkele eyokukhutshwa kwethu kwiNedbank Cup. Ndithethile nomqeqeshi kwaye uyayazi into esiyilindeleyo. Eyona nto ibalulekileyo kuthi kukubeka iingqondo zethu kwimidlalo yethu yePSL ngokupheleleyo,” utshilo uMpengesi.

Kufuneka abadlali beChippa bazimisele kakhulu ukuba bafuna ukubetha iFree State Stars ngoba umdlalo wayo ngoku mhle kakhulu futhi isendaweni entle.

Iifolosi zakhe uHeric kufuneka zilole izikrweqe zazo zilwe kakhulu. Impumelelo yinto enokuyifumana iChippa ngoba xa idlalela eMonti ifumana inkxaso engumangaliso ebantwini.

Imidlalo yePSL:

NgoLwesihlanu: Maritzburg United vs Polokwane City @Harry Gwala Stadium, 20:00

NgoMgqibelo: Chippa United vs Free State Stars @Sisa Dukashe Stadium, 15:30; Kaizer Chiefs vs AmaZulu FC @FNB Stadium, 18:00; Golden Arrows vs Orlando Pirates @Princess Magogo Stadium, 20:15

NgeCawe: Bloemfontein Celtic vs Platinum Stars