IiChilli Boys ziintshatsheli zePremier’s Cup!

IChippa United iphumelele iPremier's Cup emva kokubetha iKaizer Chiefs kumdlalo obuseSisa Dukashe Stadium. Umfanekiso: Siyanda Jantjies

Iqela laseMpuma Koloni, iChippa United, lizibonakalise ngokwenene ukuba liyilungele isizini ye-Absa Premier Soccer League entsha ngokuthi lithe iKaizer Chiefs ngo’1-0  kumdlalo wePremier’s Cup emva obumnandi ngeyona ndlela nangona bekukho ukunqongophala kwamagowuli emalanga namhlanje eSisa Dukashe Stadium. UKatlego Mashego, ongene kwisigaba sesibini somdlalo, nguye ofake igowuli lempumelelo. Ibhola ebibekwe phantsi ngaphaya komhlaba kanozinti, uyithathe wayibeka ekoneni – uBrilliant Khuzwayo uve ngentswahla yabalandeli ukuba ingene ngoba khange ayibone. Oku kuthetha ukuthi iiChilli Boys ziintshatshheli zokuqala zale tumente ebiqala ukusingathwa yi-ofisi yeNkulumbuso yeMpuma Koloni – uPhumulo Masualle.

Emva kwamshumi amane anesihlanu emizuzu kwisigaba sokuqala, amaqela omabini aye kwixesha lokuphumla enkonye iqanda. Umdlalo uqale ngezinga eliphantsi, bekungekho qela elifuna ukuzicacisa – kodwa ibe yiChippa United elawula umdlalo. Isiququ esifikayo, uKurt Lentjies osuka kwiMaritzburg United, ebeyiphethe mantsantsa iChiefs phaya emva. ULentjies ebethi engapha abe engapha encediswa esiswini nguMenzi Masuku, uSephania Mbokoma noPaseka Mako ekunxele. IiChilli Boys zilawule umdlalo isithuba esiphaya kumashumi amabini emizuzu ngeloxesha abadlali beChiefs bethe finini emva belinde into eza kubo. Kuko konke oko, akukho nto exhomisa amahlo eyenziweyo yiChippa nakubeni ibiyiyo enamandla emdlalweni. Amakhosi angene emdlalweni kakuhle ekuzeni kuphela kwesiqingatha sokuqala.

Ekubuyeni kwawo la maqela kwixesha lokuphumla, kuye kwakho umahluko. Iqhayiya leMpuma Koloni – iChippa United – lilo elihlasele ngamandla kulo mdlalo libonisa ngokwenene ukuba lizimisele ukuwuphumelela umdlalo. Kumzuzu weshumi elisebhozo (kwisigaba sesibini) uMoeketsi Sekola uvuthulule ibhola ephambi kukaBrilliant Khuzwayo, ngelishwa ibhola yakhe ibethe epalini yabuyela ngaphakathi bakhuza bonke abalandeli beChippa ebekubonakala ukuba balangazelela amagowuli. Iphinde yazama kwakhona iChippa – kodwa ngelishwa ibhola kaSizwe Mdlinzo. Umdlalo ufunqulwe ziinguqu ezenziwe ngabaqeqeshi bamaqela omabini. USteve Komphela ukhuphe uWillard Katsande obenomdlalo ongaxolisiyo namhlanje, uBongolwethu Jayiya noRyan Moon obefumene icham lokuqala umdlalo namhlanje. Iindawo zabo zithathwe ngamagatyana abafana amatsha abanjengoDumisani Zuma osuka kwiBloem Celtic, uWiseman Meyiwa noKgotso Malope. Kanti yena uDan Malesela ufake uMark Mayambela, uMahlatse Makudubela noTshwarelo Bereng.

UKgotso Moleko uphantse wayonzakalisa iChippa United kumzuzu wamashumi amathathu anesithathu emva kukuvuthulula ibhola esekunene ekufutshane noBrighton Mhlongo. Abadlali beChippa bakwazile ukumelanga neChiefs ebimane isithi gqaba xa ihlasela. Iquqe ibuyelela iChiefs emva koko kwiimpondo zeChippa. USibusiso Khumalo inikwe ikhadi elibomvu emva kokubamba uKatlego Mashego oqhaqhe amadoda emva kwiChiefs kabuhlungu. NguMashego oye wafaka igowuli leChippa sekuphela umdlalo. IChippa iphumelele ekugqibeleni ngo’1-0.

Chippa United: Brighton Mhlongo, Diamond Thopola, Paseka Mako, Zitha Macheke, James Okwuosa, Abel Mabaso, Sizwe Mdlinzo, Menzi Masuku, Zephania Mbokoma, Kurt Lentjies, Moeketsi Sekola.

Amalalela: Danile Akpeyi, Mpho Mvelase, Phetso Maphanga, Kristopher Bergman, Stanley Makgoka, Mark Mayambela, Mahlatse Makudubela, Tshwarelo Bereng, Katlego Mashego noRhulani Manzini.
 

Kaizer Chiefs:
Brilliant Khuzwayo, Moleko Kgotso, Lorenzo Gordinho, Eric Mathoho, Philani Zulu, Buchanan Keagan, Willard Katsande (Kapteni), Bongolwethu Jayiya, William Twala, Ryan Moon, Jonathan Felippe.

Amalalela:
Itumeleng Khune, Tsepo Masilela, Sibusiso Khumalo, Siyabonga Ngezana, Ramahlwe Mphahlele, George Maluleka, Wiseman Meyiwa, Edmore Chirambadare, Kgotso Malope, Dumisani Zuma noMichelle Katsvairo.