IiChilli-boys zindwendwela iSuperSport Utd

Iqela laseMpuma Koloni, iChippa United, lintingela eLimpopo kule mpelaveki apho lizakudlala neSuperSport United kumdlalo we-Absa Premier Soccer League ePeter Mokaba Stadium ngentsimbi yesithathu emva kwemini ngeCawe.

Ibuyile kwakhona le midlalo yePSL emva kokunqumama iiveki ezimbini zonke ngenxa yemidlalo yamazwe ngamazwe ebibandakanye abadlali abaninzi abadlala kwinqanaba eliphezulu kweli lizwwe loMzantsi Afriaka.

IiChilli-boys, phantsi komqeqeshi wazo omtsha uDan Malesela, zikwiphulo lokuvala isizini ziphakathi kwamaqela asibhozo. Ngumsebenzi ongekho lula lowo, kodwa ungenzeka kuba iChippa ihleli kwindawo entle yesithandathu kwiPSL.

Kulindeleke ukuba basokole ngoba iSuperSport United ikhuthazekile yimpumelelo yaphakathi evekini eyifumene ngokubetha AmaTuks kumapenela kumdlalo weNedbank Cup. Kungokunje Amatsantsa a Pitori ahleli kwindawo yeshumi, yona iChippa ikwindawo yesithandathu.