Iqokelele amanqaku amathathu iChippa United ngaphandle kobunzima emva kokubetha iHighlands Park ngo’2-0 kumdlalo we-Absa Premier Soccer league odlalelwe eSisa Dukashe Stadium ngale njikalanga.
Abadlali bala maqela kuye kwanyanzeleka adlale kulo ngqatsini yelanga eMdantsane kwibala ebelingagcwalanga ngendlela ebilindelekile. Njengeqela ebelindwendwele,
Lo nto inike iChippa ithuba lokuqokelela amanqaku apheleleyo emva kokubethwa
IiChilli Boys neHighlands zidlale umdlalo omhle nangoba abadlali bebetyatyulwa lilinga ngethuba kudlalwa lo mdlalo. Abadlali bala maqela omabini bayawuthanda umdlalo obalekayo – kodwa kuye kwanyanzeleka ukuba bathrobe isantya ngenxa yobushushu.
Kuphantso konakala kwimizuzu elishumi kwisiqingatha sokuqala, uThamsanqa Sangweni ukhabe ibhola entle ethe qelele – ngelishwa lakhe ibethe epalini yaphumela ngaphandle lo bhola.
Nangona ibithe chu iChippa United – kodwa inyanzele abadlali abafana noZamuxolo Ngalo noMothobi Mvala ukuba benze iimpazamo ezikhokelele kwigowuli elufakwe nguKatlego Mashego ngomzuzu wamashumi amabini anesihlanu kwisiqingatha sokuqala.
Emva kwelo gowuli abadlali abafana noSurprise Moriri noFranklin Cale bazamile ukushukumisa – kodwa abakwazanga ukugqobhoza kubadlali basemva beChippa abafana noJames Okwuosa noDiamond Thopola abenze umsebenzi omhle kakhulu.
Amakhwenkwe kaDan Malesela aye kwixesha lokuphumla ehamba phambili ngegowuli elinye. Phambili iChippa United isebenze kakhulu ngoba ulwamvila lukaMashego noLerato Manzini beluvakala, ingakumbi esiswini ebesilawulwa nguSangweni, uSandile Zuke noMenzi Masuku.
Isiqale kakuhle
Unozinti weChippa United, uDaniel Akpeyi, ekungekho nto ingako ayenzileyo kwisiqingatha sokuqala, uye waxakeka kakhulu kwesi sesibini – kodwa ziibhola ezinganabungozi kwaphela.
68th – Akpeyi unqande amanzi engen’’endlini. Iikona ezimbini ezifunyenwe
73rd – Manzini ulibeke emnatheni igowuli lesibini leChippa United emva kwebhola edlalwe nguZuke, uZulu noMashego. Nangona umdlalo weHighlands ubenako ukuphucuka kwisigaba sesibini – kodwa ayikwazanga kwade kwase kugqibeleni ukufumana igowuli lobika ekhaya.
Chippa: Daniel Akpeyi, James Okwuosa, Diamond Thapola, Mako, Mdaki, Sandile Zuke, Thamsanqa Sangweni, Menzi Masuku( David Zulu 63rd), Katlego Mashego, Lerato Manzini, Thembinkosi Lorch.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika abhubhele eDRC kulindeleke ukuba ifike