IiChilli-boys zithi huntshu kwiMamelodi Sundowns!

Iqela lebhola ekhatywayo laseMpuma Koloni, iChippa United, liqhwabele izandla iMamelodi Sundowns emva kokuzuza indebe yeCaf Champions League eYiphutha izolo ebusuku.

Amasandawana abethwe ngo’1-0 yiZamalek kumdlalo wesibini wamagqibela kankqoyi weChampions League kwibala ekuthiwa yiBorg El Arab Stadium izolo – kodwa aye aziintshatsheli ngoba aphumelele ngo’3-0 kumdlalo wokuqala eLucas Moripe Stadium kwiveki ephelileyo – iye yafumana impumelelo ka’3-1 xa kudityaniswe le midlalo yomibini.

ISundowns liqela lesibini kweli lizwe loMzantsi Afrika elithe laphumelela indebe ye-Afrika emva kwe-Orlando Pirates eyayibamba ngo’1995.

Usihlalo weChippa United, uSiviwe Mpengesi, uthumele umyalezo ohalalisela iMamelodi Sundowns emva kokuphakamisela phezulu indebe yeChampions League okokuqala kwimbali yayo.

“Ndithatha elithuba, egameni leChippa United, ngeenjongo zokuthi huntshu kuwo wonke umntu kwiSundowns; umqeqeshi uPitso Mosimane, abadlali, abalandeli nabo bonke ababandakanyekayo. Singatsho ukuthi iSundowns ziintshatsheli ezivunyiweyo emva komsebenzi omhle ewenzileyo. Le yinto enkulu kakhulu kwibhola yoMzantsi Afrika. Siyavuyisana noMnu. Patrice Motsepe kwaye silinqwenelela okuhle iqela lakhe kwiClub Wolrd Cup ekupheleni kwalo nyaka,” utshilo uMpengesi kwingxelo ayikhuphe ngolu rhatya.